“Umfazi Wobutsha Bakho”
“UKUKREXEZA phantse ukuba kubonakala kuyinto eyenzeka umhla nezolo.” Zitsho njalo iingcali ezininzi, ngokutsho kweLos Angeles Times. Ngaba ingxelo elolo hlobo iyakumangalisa? Kanti, ugqirha wezifo zengqondo uFrank Pittman uqikelela ukuba malunga nama-50 ekhulwini amadoda yaye ukususela kuma-30 ekhulwini kuse kuma-40 ekhulwini abafazi baye abathembeka. Ukuba oku kuyinyaniso, phantse isiqangatha sabo bonke abantu abatshatileyo siyakrexeza!
Ngaba oku kuthetha ukuba ukuziphatha kakubi kulungile? Akunjalo konke konke! Ukwanda kokungathembeki akukwenzi ukuba kube kokulungileyo—kanye njengokuba ukwanda kolwaphulo-mthetho lwasesitratweni kungakwenzi kubonakale kulungile ukuphanga othile. Ukuziphatha kakubi kubangela intlungu. Ngokomzekelo, namhlanje uluntu lubandezelekile ngenxa yezifo eziyingozi ezidluliselwa ngeentlobano zesini nezikhoyo jikelele ebezinokuthintelwa ngokulula ukuba abantu bebephila ubomi bokuziphatha okuhle. Isifo esingumbulali uGawulayo besingenakufumana indawo yokuxhathisa esinayo ngoku ukuba abantu bebekuphepha ukuba ngoovula-zibhuqe ngokwesini.
Ngaphezu koko, kwanabona bantu balumkileyo “nabakhanyiselweyo” baba buhlungu gqitha xa amaqabane abo engathembekanga. Isenzo esinye sokungathembeki sinokubangela amanxeba athabatha isiqingatha sexesha lokuphila komntu ukuze anyangeke.
Noko ke, eyona ngongoma ibalulekileyo yeyokuba ukungazikhathaleli izifungo zomtshato kubonisa ukungamhloneli ngokupheleleyo uThixo, ekubeni enguMyili womtshato. IBhayibhile ithi: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke.” Kwakhona silunyukiswa ngelithi: “Abenza umbulo nabakrexezi uThixo uya kubagweba.”—Hebhere 13:4.
Ngenxa yoko, abantu abalumkileyo bawanikel’ ingqalelo amazwi aphefumlelweyo athi: “Uvuye ngumfazi wobutsha bakho.” (IMizekeliso 5:18) Bafuna ulwaneliseko nolonwabo ngamaqabane abo omtshato. Ngokwenza oko balondoloza impilo yabo engokomzimba nengokweemvakelelo, yaye okona kubalulekileyo, banikela imbeko kuMyili ozukileyo womtshato, uYehova uThixo.