Ngaba Utofelo-gazi Luxatyiswe Ngokugqith’ Emgceni?
Utofelo-gazi luqhelekile kunyango lwanamhlanje, kodwa ngaba lulunge ngendlela efana naleyo ludume ngayo? Ucinga ntoni wena?
KwiThe American Journal of Medicine (Februwari 1993), uGqr. Craig S. Kitchens wabuza: “Ngaba Utofelo-gazi Luxatyiswe Ngokugqith’ Emgceni?” Waphawula ukuba oogqirha ngokufuthi baye baqwalasela ukuba iingenelo zonyango zininzi ngaphezu kweengozi olusenokuzibangela. Kuthekani ngotofelo-gazi?
Lo kaKitchens wahlolisisa ubungqina bakutshanje beengozi ezininzi ezinxulumene notofelo-gazi, ezifana nehepatitis, ukonakala kwenkqubo yokuzikhusela yomzimba, ukungamkelwa kwelungu ngumzimba, nokulwisana kwelungu nenkqubo yokuzikhusela yomzimba. Olunye uhlolisiso lushwankathela “intlaninge yeengxaki” ezibangelwa lutofelo-gazi “lwagqiba ekubeni sihlandlo ngasinye kusenziwa utofelo-gazi kubakho amathuba alinganiselwa kuma-20 ekhulwini emiphumo ebingalindelekanga, maxa wambi esenokuba yengenamsebenzi ngezinye izihlandlo ibe nobungozi,” ide ibulale.
Noko ke, ngaba iingenelo ekucingwa ukuba zinokubakho ziyakuthethelela ukuzichanaba kwiingozi ezinjalo?
UGqr. Kitchens wenza uhlolisiso kwiingxelo ezili-16 kuzo ekwakutyandwe amaNgqina kaYehova ali-1 404, angalwamkeliyo utofelo-gazi ngenxa yokuthobela umthetho weBhayibhile ‘wokuzila igazi.’—IZenzo 15:28, 29.
Waba yintoni umphumo? “Isigqibo sabaguli abangamaNgqina kaYehova sokungalwamkeli utofelo-gazi xa kusenziwa utyando olukhulu kubonakala ngathi siwongeza nge-0,5 ekhulwini ukuya kwisi-1,5 ekhulwini amathuba okufa xa kusenziwa utyando. Okona kungacacanga kakuhle kukuba kungakanani ukugula nokufa okuphetshwayo ngesi sigqibo, kodwa kusenokwenzeka ukuba amathuba okuphepha ukugula nokufa ayawodlula awengozi ebangelwa kukungatofelwa.” (Akekeliswe sithi.) Wayephuhlisa yiphi ingongoma? Nayiphi na ingozi yonyango yokwala igazi inokuba ngaphantsi kuneengozi ezibandakanyekayo ekwamkeleni utofelo-gazi.
Ngenxa yoko, umbuzo kaKitchens osengqiqweni uthi: “Ukuba ukungamkeli utofelo-gazi kwamaNgqina kaYehova enyanisweni kuyawongeza kancinane amathuba okugula kuze kuwenze aphephe iindleko neengxaki ezinokubakho zezifo, ngaba abafanele babe mbalwa abaguli abatofelwa igazi?”
Abo bangavumiyo ukutofelwa igazi ngenxa yobungqina obunjalo kwakhona baya kuba benza ngokuvisisana nolwalathiso oluvela kuMdali wethu.