IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 9/15 iphe. 32
  • ‘Iingcambu Ezingenakusitshulwa’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Iingcambu Ezingenakusitshulwa’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 9/15 iphe. 32

‘Iingcambu Ezingenakusitshulwa’

PHAKATHI kwezona zinto zinkulu nezindala kwezakha zakho ehlabathini yimithi yesequoia yaseKhalifoniya. Aba rhec’ izulu bemithi bakhula babe ziimitha ezinokuba ngama-90 ubude yaye banokuphila iminyaka enokuba ngaphezu kwama-3 000.

Nangona ukubona umthi wesequoia kusoyikisa, ngokufanayo iingcambu zawo ezingabonakaliyo ziyakhwankqisa. Umthi wesequoia uneengcambu ezinabayo zibe njengokhuko olunokugubungela indawo eziihektare ezisisi-1,2 ukusa kwisi-1,6. Le nkqubo inkulu yeengcambu iwenza ube namandla angathethekiyo okuxhathisa xa kukho izikhukula okanye imimoya emikhulu. Kuyenzeka ukuba isequoia ixhathise nenyikima enamandla!

UKumkani uSolomon wasebenzisa iingcambu zomthi ezinamandla njengesikweko komnye wemizekeliso yakhe. Wathi: “Akukho mntu unokuma ngokungendawo, kodwa abantu abalungileyo baneengcambu ezingenakusitshulwa.” (IMizekeliso 12:3, The New English Bible) Ewe, abangendawo abazinzanga. Nayiphi na impumelelo ababonakala benayo kuphela yeyomzuzwana, kuba uYehova uthembisa ukuba “ithemba labangendawo liyadaka.”—IMizekeliso 10:28.

Esi sisilumkiso kwabo bathi bangamaKristu, kuba uYesu wathi bambi baya kuba ‘bengenangcambu’ kubo yaye baya kukhubeka. (Mateyu 13:21) Ngapha koko, umpostile uPawulos wabhala ngabantu ababeya ‘kulatyuzwa, bephetshethwa ngumoya wonke wemfundiso [yobuxoki].’ (Efese 4:14) Oku kunokuthintelwa njani?

Kanye njengokuba iingcambu zomthi wesequoia zinaba kakhulu kumhlaba ochumayo, sifanele ngeengqondo nangeentliziyo zethu siphande nzulu kwiLizwi likaThixo size sifunxe amanzi alo anik’ ubomi. Oku kuya kusinceda ukuze sikhulise ukholo oluneengcambu ezomeleleyo. Kakade ke, siya kuyiva imiphumo yezilingo eziluqhwithela. Sisenokude sigexagexe, njengomthi, xa kukho iinzima. Kodwa ukuba ukholo lwethu luqinile, siya kungqineka ‘sineengcambu ezingenakusitshulwa.’—Thelekisa amaHebhere 6:19.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share