IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 2/1 iphe. 32
  • Incwadi Yamaculo Athandwa Nguirina

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi Yamaculo Athandwa Nguirina
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 2/1 iphe. 32

Incwadi Yamaculo Athandwa Nguirina

KUTSHANJE, uIrina, intwazana eneminyaka esithoba ubudala yaseSofia, eBulgaria, uye wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Uyakuthanda ukucula ibe uzinandipha kakhulu iingoma ezikwiculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova. Ngoko ke uIrina wazenzela usukelo lokucula iingoma ezimbalwa ngentloko nyanga nganye.

Esinye sezona zifundo azithanda egazini uIrina esikolweni ngumculo. Yiloo nto ke eyamtsho wadideka umfundisi-ntsapho womculo xa uIrina engazange avume ukucula kwikwayala yesikolo. Kwakutheni ukuze ale uIrina? Wafumanisa ukuba iingoma ezininzi awayeza kuzicula zizukisa amagorha neeholide zesizwe ezinemvelaphi yobuhedeni. Kanti ke ezinye iingoma zazikhuthaza imvukelo nogonyamelo ukuze kufezwe iinjongo zesizwe. Lo mfundisi-ntsapho wayengayiqondi imbono kaIrina kulo mba. UIrina wazimisela ukubhalela umfundisi-ntsapho wakhe ileta ukuze amtyebisele ngeenkolelo zakhe zonqulo—kodwa watsho phantsi.

Kwathi kanti utata kaIrina unalo icebo. Wanika loo mfundisi-ntsapho incwadi yamaculo ethi Mvumeleni Iindumiso UYehova, eyayineengoma uIrina awayethanda ukuzicula. Kungaphelanga ntsuku zingaphi, umfundisi-ntsapho wabizela uIrina kwigumbi lomculo. Wacela uIrina ukuba acule ezinye zeengoma azithandayo kweli culo—bekho nabantwana afunda nabo—ngoxa yena mfundisi-ntsapho wayedlala ipiyano. Lo mculo wathabatha ixesha elingaphezu kweyure yonke! Umfundisi-ntsapho kwafuneka avume ukuba incwadi enamaculo athandwa nguIrina yayinoncuthu lweengoma.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share