Incwadi Yamaculo Athandwa Nguirina
KUTSHANJE, uIrina, intwazana eneminyaka esithoba ubudala yaseSofia, eBulgaria, uye wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Uyakuthanda ukucula ibe uzinandipha kakhulu iingoma ezikwiculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova. Ngoko ke uIrina wazenzela usukelo lokucula iingoma ezimbalwa ngentloko nyanga nganye.
Esinye sezona zifundo azithanda egazini uIrina esikolweni ngumculo. Yiloo nto ke eyamtsho wadideka umfundisi-ntsapho womculo xa uIrina engazange avume ukucula kwikwayala yesikolo. Kwakutheni ukuze ale uIrina? Wafumanisa ukuba iingoma ezininzi awayeza kuzicula zizukisa amagorha neeholide zesizwe ezinemvelaphi yobuhedeni. Kanti ke ezinye iingoma zazikhuthaza imvukelo nogonyamelo ukuze kufezwe iinjongo zesizwe. Lo mfundisi-ntsapho wayengayiqondi imbono kaIrina kulo mba. UIrina wazimisela ukubhalela umfundisi-ntsapho wakhe ileta ukuze amtyebisele ngeenkolelo zakhe zonqulo—kodwa watsho phantsi.
Kwathi kanti utata kaIrina unalo icebo. Wanika loo mfundisi-ntsapho incwadi yamaculo ethi Mvumeleni Iindumiso UYehova, eyayineengoma uIrina awayethanda ukuzicula. Kungaphelanga ntsuku zingaphi, umfundisi-ntsapho wabizela uIrina kwigumbi lomculo. Wacela uIrina ukuba acule ezinye zeengoma azithandayo kweli culo—bekho nabantwana afunda nabo—ngoxa yena mfundisi-ntsapho wayedlala ipiyano. Lo mculo wathabatha ixesha elingaphezu kweyure yonke! Umfundisi-ntsapho kwafuneka avume ukuba incwadi enamaculo athandwa nguIrina yayinoncuthu lweengoma.