Isiganeko Esikhethekileyo—Ngaba Uya Kubakho?
NGOSUKU olubalulekileyo kwiminyaka engaphezu kwengama-3 500 eyadlulayo, uYehova uThixo wayalela intsapho nganye kumaSirayeli awayengamakhoboka eYiputa ukuba ixhele imvu okanye ibhokhwe ize ifefe igazi layo emasangweni nasemigubasini yendlu yayo. Ngobo busuku, isithunywa sikaThixo sadlula kwizindlu ezazinolo phawu kodwa sabulala onke amazibulo kumakhaya amaYiputa. Andula ke amaSirayeli akhululwa. Ngomhla esenzeka ngawo eso siganeko, amaYuda ebebhiyozela umsitho wePasika.
Ngokukhawuleza emva kokuba uYesu Kristu egqibile ukubhiyozela umsitho wePasika yakhe yokugqibela ekunye nabapostile bakhe, wasungula isidlo esasiya kuba sisikhumbuzo sokufa kwakhe okulidini. Wadlulisela kubapostile bakhe isonka esingenagwele waza wathi: “Thabathani, nidle. Oku kuthetha umzimba wam.” Waza wabanika indebe yewayini wathi: “Selani kuyo, nonke; kuba oku kuthetha igazi lam lomnqophiso, eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.” Kwakhona uYesu wathi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Mateyu 26:26-28; Luka 22:19, 20) Ngoko uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba basigcine esi sikhumbuzo sokufa kwakhe.
Kulo nyaka isikhumbuzo sokufa kukaYesu singoLwesithathu, ngoAprili 19, emva kokutshona kwelanga. AmaNgqina kaYehova emhlabeni wonke aya kuhlanganisana ngobu busuku bukhethekileyo ukuze abhiyozele esi Sikhumbuzo ngendlela uYesu awawayalela ngayo. Sikumema ngokufudumeleyo ukuba usithelele njengababukeli. Nceda udibane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni ngokuphathelele ixesha elichanileyo nendawo aza kuhlanganisana kuyo.