IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 7/15 iphe. 32
  • Imisebenzi Emihle Izisa Uzuko KuThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imisebenzi Emihle Izisa Uzuko KuThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 7/15 iphe. 32

Imisebenzi Emihle Izisa Uzuko KuThixo

ABO bamthandayo uThixo benza umgudu wokubonakalisa ukukhanya kokomoya okuvela kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngale ndlela, balandela umyalelo kaYesu othi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:16) Intetho nehambo entle inokuzisa uzuko kuThixo.

AmaNgqina kaYehova afuna ukukholisa uThixo ngokwenza izinto ngokuvisisana neBhayibhile nangokwenza umgudu wokunceda abanye ngokomoya. Enjenjalo nakumazwe apho ubulungiseleli bawo basesidlangalaleni bungekamkelwa ngokusemthethweni. Kwisixeko esilikomkhulu lamanye ala mazwe, amaNgqina ebeqhuba iindibano minyaka le ebekusiza kuzo abantu abasusela kuma-6 000 ukusa kuma-9 000. Ukwenzela iindibano ezinjalo, aye aqesha iindawo zemiboniso yobugcisa. Njengoko ebesenjenjalo kwiminyaka edluleyo, ngaphambi kwendibano yawo ngowe-1999, amakhulu amaNgqina ayesebenza nzima ecoca izakhiwo yaye efaka nomatshini wesandisi-lizwi namawaka ezitulo.

Abantu bawaphawula onke la malungiselelo. Abasebenzi ababephethe kwezo zakhiwo bayibona le misebenzi. Kwakhona babona ukuba, nangona kwakukho isimbuku sabali-15 666 sababezile, yonke nje into yahamba ngokutyibilikayo yaye amaNgqina ayegcine ucwangco ngeyona ndlela. Aba basebenzi babechukumiseke nangokubona loo ndawo icoceke ngeyona ndlela emva koko.

Abaphathi babonakalisa uxabiso ngoku ngokuthi amaNgqina bawadwelise kuqala kuluhlu lwabo ukuze afumane ithuba lokuqala lokuqesha isakhiwo kunyaka olandelayo. Kodwa abaphetheyo benza nokungakumbi. NgoJulayi 15, 1999, banika ikomiti yendibano ibhaso lokubonakalisa uxabiso. Kwelo bhaso kwakukrolwe amagama athi “ibandla lamaNgqina kaYehova”—into engalindelekanga kwilizwe apho umsebenzi wawo wokufundisa iBhayibhile usikelwe umda.

Ehlabathini lonke ngowama-2000/2001, kulindeleke ukuba izigidi ziye kumakhulu eeNdibano ZeSithili zamaNgqina kaYehova ‘Zabenzi Belizwi LikaThixo.’ Ngokubakho, unokuzibonela ngokwakho indlela abo bakwenza ngokunyanisekileyo oko kuthethwa yiBhayibhile abayenza ngayo imisebenzi emihle ezisa uzuko kuThixo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share