IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 11/15 iphe. 32
  • Ubuhle Bangaphakathi Bunexabiso Elihlala Lihleli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuhle Bangaphakathi Bunexabiso Elihlala Lihleli
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 11/15 iphe. 32

Ubuhle Bangaphakathi Bunexabiso Elihlala Lihleli

“UMFANA UDLA NGOKUGQALA UBUHLE NJENGENTO ELINGANA NOKULUNGA,” WATSHO OMNYE UMKRISTU OTHEMBEKILEYO NOSELE EKHULILE.

Ewe, kudala umntu egxininisa kubuhle benkangeleko, nto leyo edla ngokubangela ukuba zingaqondwa kakuhle iimpawu zangaphakathi. Noko ke, uMdali wethu ukhangela oko sikuko ngaphakathi, kungakhathaliseki ukuba inkangeleko yethu injani na. Ngale ndlela umisele owona mzekelo mhle wokujonga izinto ngeliso eliqolileyo. Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo uthi: “Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.

UThixo unguMthombo wobuhle bokwenene ebantwini, yaye iLizwi lakhe lithi xa ehlola ukufaneleka kukabani, iimpawu zokomoya ziba zezona zibalulekileyo. IBhayibhile ithi: “Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.” (IMizekeliso 31:30) Okunene, ubuhle benkangeleko bunokufihla ubungxathu bangaphakathi. (Estere 1:10-12; IMizekeliso 11:22) Nangona ubuhle bomzimba bunokuphela ekuhambeni kwexesha, ubuhle bangaphakathi—iimpawu zentliziyo—bunokukhula buze buhlale buhleli.

Ngoko, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuhlakulela iimpawu ezinjengothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa! (Galati 5:22, 23) Ngaloo ndlela sinako ukubufumana ubuhle bangaphakathi, eneneni obuhlala buhleli.—1 Petros 3:3, 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share