Utyando Ngaphandle Kwegazi “Eyona Ndlela Iphambili Yonyango”
PHANTSI komxholo othi “Utyando ‘Ngaphandle Kwegazi,’” iphephancwadi iMaclean’s lathi oogqirha baseKhanada “bebevelisa ubugcisa obutsha, nobuthe kule minyaka mihlanu idluleyo, benza utyando ngaphandle kwegazi lwayeyona ndlela iphambili yonyango.” UBrian Muirhead, ugqirha wokuphelisa iintlungu [anesthesiologist] eWinnipeg’s Health Sciences Centre, ngomnye wabo gqirha. Yintoni eyamshukumisela ukuba enze uphando ngezinye iindlela zonyango ezingasebenzisi igazi?
Ngowe-1986, uGqr. Muirhead waqalisa umsebenzi onzima wokutyanda indoda eneminyaka engama-70 ubudala eyayinesilonda esophayo emathunjini neyathi, ngenxa yeenkolelo zayo ezisekelwe eBhayibhileni njengeNgqina likaYehova, yacela unyango olwalungafuni utofelo-gazi. (IZenzo 15:28, 29) IMaclean’s ithi uGqr. Muirhead “wabhenela kwindlela engafane isetyenziswe yokumpompela umxube wetyuwa kumguli lowo ukuze ugcine uxinzelelo lwegazi luphakamile. Le ndlela yaphumelela, yaye yomeleza inkolelo kaMuirhead yokuba ‘sasilwenza ngokugqithisileyo utofelo-gazi. Ndaqonda ukuba lalifikile ixesha lokuhlola ezinye iindlela.’”
Imfuneko yotyando ngaphandle kwegazi “yakhuthazwa yinkxalabo ngokunikelwa kwegazi kwixesha elizayo—naluloyiko lwabaguli lokufumana iintsholongwane zezifo ngotofelo-gazi.” Ngoncedo lophando olwenziwe ngoogqirha, asingomaNgqina kaYehova kuphela aye angenelwa kodwa nabaninzi baye bancedakala. IMaclean’s ithi: “Ngaphandle kokuphelisa imfuneko yotofelo-gazi kwiimeko ezininzi, utyando ngaphandle kwegazi lunciphisa iingozi—enokuba zincinci kangakanani na—zokwasulelwa zizifo ezivela kwigazi elineentsholongwane.” Sekunjalo negazi “elicocekileyo” lisenokubeka umguli kwingozi yokwasulelwa zizifo ngenxa yobuthathaka benkqubo yakhe yomzimba yokulwa nezifo.
Yiyiphi le nkolelo iqinileyo anayo amaNgqina kaYehova ebangela ukuba afune ezinye iindlela zonyango ezingatofeli-gazi? Usenokuba nomdla wokufunda incwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho? AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukwabelana nawe ngayo.