IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 11/1 iphe. 32
  • Abatshabalalisi Bemithi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abatshabalalisi Bemithi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 11/1 iphe. 32

Abatshabalalisi Bemithi

KUMAXESHA okubhalwa kweBhayibhile, imithi yayigqalwa njengemveliso exabisekileyo. Ngokomzekelo, xa uAbraham wayethenga indawo yokungcwaba umfazi wakhe awayemthanda, uSara, imithi yabalwa phakathi kwezinto ekwenziwa ngazo isivumelwano sokuthengiswa kwaloo mhlaba.—Genesis 23:15-18.

Ngokufanayo namhlanje, imithi ixatyiswa gqitha yaye izizwe ngezizwe zinikela ingqalelo kakhulu ekukhuseleni amahlathi. Incwadi ethi State of the World 1998, ithi: “Ngoxa abantu abaninzi abakumazwe asemantla bexhalabele amahlathi ashinyeneyo, basenokuba abaqondi ukuba amahlathi agqagqeneyo akumazwe abo ngawona asengozini yokonakaliswa kunawo onke amanye amahlathi.” Yintoni esongela amahlathi kuloo mazwe akumntla Yurophu nakuMntla Merika? Abantu abaninzi balatha ekutshatyalalisweni kwamahlathi, kodwa bakho nabanye oothunywashe abathe chu ukutshabalalisa imithi. Ngabaphi? Kukungcoliswa komoya nemvula eneasidi. Ezi zinto zingcolisayo zinokuthi ngcembe zidodobalisa imithi, ziyenze ibe ngamaxhoba ezinambuzane nezifo.

Kangangamashumi eminyaka, iingcali zobume bendalo nabanye abakuxhalabeleyo oku baye bahlab’ ikhwelo ngemfuneko yokukhusela inkqubo yezinto eziphilayo zomhlaba. Kwiminyaka ye-1980, emva kokuba izazinzulu zaseJamani zifunde ngemiphumo yokungcoliswa komoya nemvula eneasidi kubume bendalo, zafikelela kwisigqibo sokuba: ‘Ukuba akukho nto yenziwayo, malunga nonyaka wama-2000 abantu baya kwanela nje ukuwabona kwiifoto zakudala nakwimifanekiso eshukumayo kuphela amahlathi.’ Okuvuyisayo kukuba, amandla omhlaba okuzihlaziya makhulu kangangokuba ukuza kuthi ga ngoku aye amelana naloo monakalo wawuxelwe kwangaphambili.

Noko ke, ekugqibeleni nguThixo oya kwenza konke ukuze alondoloze imeko yezinto eziphilayo. “Unkcenkceshela iintaba emagumbini akhe aphezulu,” yaye “uhlumisela izilo ingca eluhlaza, notyani ukuze kuncedwe uluntu.” Yaye uthembisa ukuba uya ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (INdumiso 104:13, 14; ISityhilelo 11:18) Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo xa abemi bomhlaba bekwazi ukunandipha ukuhlala kwihlabathi ekungekho kungcoliswa komoya kulo ngonaphakade!—INdumiso 37:9-11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share