‘Intambiso Yamehlo Ukuze Uthambise Amehlo Akho’
UYESU Kristu walinika elo yeza ibandla lamaKristu enkulungwane yokuqala eLawodike, eAsia Minor.
UYesu wathi: ‘Thenga intambiso yamehlo uthambise amehlo akho ukuze ubone.’ Kwakufuneka kunyangwe kungekhona isifo samehlo, kodwa ubumfama bokomoya. AmaKristu aseLawodike ayephenjelelwe ngumoya wokuchuma ngokwezinto eziphathekayo kwesi sixeko ayehlala kuso yaye ayengasazikhathalele iintswelo zawo zokomoya.
Ethetha ngoku njengonobangela wokumfameka kwawo, uYesu wathi: “Uthi: ‘Ndisisityebi, ndizuze ubutyebi, andiswele nto,’ kodwa akwazi ukuba uludwayi nosizana nehlwempu nemfama kwaye uhamba ze.” Nangona engaqondi, amalungu elo bandla ayefuna ‘intambiso yamehlo’ enokufunyanwa ngokuthobela imfundiso nengqeqesho kaYesu Kristu. UYesu wathi: “Uthenge kum.”—ISityhilelo 3:17, 18.
Ngokufanayo nalawo aseLawodike, amaKristu okwenyaniso namhlanje afanele alumkele ukuphenjelelwa ngokungafanelekanga, mhlawumbi engaqondanga, yimeko-bume aphila kuyo yezinto eziphathekayo nokuthandwa kweziyolo. Iyeza lokulondoloza imbono ephilileyo ngokomoya liboniswa kwesi sibongozo: ‘Thenga kuYesu intambiso yamehlo uthambise amehlo akho ukuze ubone.’
Kuyabonakala ukuba le “ntambiso yamehlo” ifanele ithengwe. Oku kulixabiso elithile. Kumele kuchithwe ixesha ekufundisiseni nasekucamngceni ngeLizwi likaThixo. Umdumisi uyasiqinisekisa esithi eli Lizwi ‘lihlambulukile, luwenza akhanye emehlo.’—INdumiso 19:8.