IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 1/15 iphe. 32
  • Isikhumbuzo SamaNgqina KaYehova Awabulawayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isikhumbuzo SamaNgqina KaYehova Awabulawayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 1/15 iphe. 32

Isikhumbuzo SamaNgqina KaYehova Awabulawayo

NGOMATSHI 7, 2002, kwatyhilwa ilitye lesikhumbuzo kwidolophu yaseKörmend kwintshona Hungary. Esi yasisikhumbuzo sokufa kwamaNgqina kaYehova amathathu abulawa ngamaNazi ngowe-1945.

Eli litye lincanyathiselwe eludongeni lekomkhulu lesebe lezomlilo lanamhlanje eHunyadi Road, apho abulawa khona esidlangalaleni. Eli lilitye lesikhumbuzo ‘lamaKristu abulawa ngenxa yesazela ngoMatshi 1945. UAntal Hőnisch (1911-1945), uBertalan Szabó (1921-1945), uJános Zsondor (1923-1945), 2002, babengamaNgqina kaYehova.’

Aba babulawa kwiinyanga ezimbini ngaphambi kokuphela kweMfazwe Yehlabathi II. Kwakutheni ukuze la maKristu abulawe? Iphephandaba laseHungary iVas Népe licacisa lisithi: “Emva kokuba uHitler eqalise ukulawula eJamani, asingomaYuda kuphela atshutshiswa aza angcungcuthekiswa, kodwa namaNgqina kaYehova athembekileyo afakwa kwiinkampu zoxinaniso aza abulawa ngenxa yokungavumi ukulahla iinkolelo zawo zonqulo. . . . NgoMatshi 1945, abantu kwintshona Hungary babephila ngokoyika. . . . Inxalenye yolu loyiko yayibangelwa kukugxothwa nokubulawa kwamalungu amaNgqina kaYehova.”

Ucwangciso lokutyhilwa kweli litye lalahlulwe lwangamacandelo amabini. Elokuqala lalikwiholo yemidlalo yeqonga leBhotwe lakwaBatthyányi, apho izithethi zaziquka uNjingalwazi Szabolcs Szita, oyintloko yeHolocaust Documentation Center eBudapest; uLászló Donáth, ilungu leParliament’s Committee for Human Rights, Minority and Religious Affairs; noKálmán Komjáthy, owakubonayo ukubulawa kwaba bantu ngoku ongumbhali-mbali wale dolophu. Abantu abangaphezu kwama-500 ababekho bahamba ngeenyawo benqumla loo dolophu besiya kwicandelo lesibini lolu cwangciso—ukutyhilwa kwelitye nguSodolophu uJózsef Honfi waseKörmend.

Kumazwi akhe okugqibela, uJán Žondor (János Zsondor) wabongoza abazalwana bakhe noodade abangamaKristu ukuba bangabi buhlungu. Wabhala esithi: “Ndisawakhumbula amazwi kaYohane afumaneka kwiSityhilelo 2:10 athi: ‘Zingqineni nithembekile kude kuse ekufeni.’ . . . Xelelani bonke abasekhaya ukuba bangabi buhlungu, kuba ndifela inyaniso kungekhona njengesaphuli-mthetho.”

[Umfanekiso okwiphepha 32]

UBertalan Szabó

[Umfanekiso okwiphepha 32]

UAntal Hőnisch

[Umfanekiso okwiphepha 32]

UJán Žondor

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share