“Ndayifumana Yonke Into Endandiyifuna”
NGOKUTSHO kwengxelo yeWorld Health Organization, kuqikelelwa ukuba abantu abangaphezu kwezigidi ezili-120 badandathekile. Nyaka ngamnye abantu abasisigidi bayazibulala yaye abaphakathi kwezigidi ezili-10 nezingama-20 bayazama ukuzibulala. Luluphi uncedo olufumanekayo kubantu abadandathekileyo? Amayeza asenokusidambisa esi sifo, yaye ukuxhaswa ngokweemvakalelo kubalulekile. Ukongezelela, abathile abaye baneemvakalelo ezinjalo baye bafumana uncedo olungakumbi kwiincwadi eziluncedo zamaNgqina kaYehova ezisekelwe eBhayibhileni, njengokuba ileta elandelayo evela eFransi ibonisa.
“Kwixesha elingephi elidluleyo, ndandingayiboni injongo yokuphila. Ndathandaza kuThixo ukuba andivumele ndife. Kwakungathi ndifile ngaphakathi. Ndifuna ulwalathiso, ndathandaza ngokunzulu kuYehova. Kwakhona ndagqiba kwelokuba ndifunde Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2002 yaye ndayigqiba kwiintsuku ezintathu. Ndimele ndivume ukuba yandikhuthaza gqitha yaza yalomeleza ukholo lwam.
“Ndaphanda kumaphephancwadi IMboniselo noVukani!, yaye hayi indlela endothuka ngayo! Bendisoloko ndiwafunda la maphephancwadi ngokuthe rhoqo iminyaka engaphezu kweli-15, yaye andizange ndiqonde indlela akhuthaza nabangel’ umdla ngayo amanqaku awo. Azele luthando—uphawu olunqabileyo kule mihla. Ndafumana yonke into endandiyifuna.”
IBhayibhile ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:18) Ngokungathandabuzekiyo, bonke abo “baphuke intliziyo” okanye abo “bamoya utyumkileyo” banokufumana ukhuthazo nethemba ngekamva eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova asasaza iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ukunceda abo baneenkxwaleko ukuze bazuze kuloo mthombo wentuthuzelo uphefumlelwe nguThixo.