IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 11/15 iphe. 32
  • Liyeza Ihlabathi Elingenalo Ulwaphulo-mthetho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Liyeza Ihlabathi Elingenalo Ulwaphulo-mthetho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 11/15 iphe. 32

Liyeza Ihlabathi Elingenalo Ulwaphulo-mthetho

UKUBA kunokwenzeka, khawuzakhele umfanekiso-ngqondweni, wehlabathi elingenazo izaphuli-mthetho! Kwelo hlabathi akukho mfuneko yamapolisa, iintolongo, okanye iinkqubo ezixabisa imali eninzi nezintsonkothileyo zokuphelisa ulwaphulo-mthetho. Apho wonke umntu uya kubuhlonela ubomi nezinto zabanye abantu. Ngaba leyo yintsomi emini? Usenokucinga njalo, kodwa iBhayibhile isiqinisekisa ukuba izinto ziya kuba njalo. Kutheni ungaqwalaseli oko kuprofetwe eZibhalweni ngokuphathelele ulwaphulo-mthetho nobunye ubungendawo kulo mhlaba?

Kwincwadi yeeNdumiso, sifunda oku: “Musa ukuzibonisa uvutha ngumsindo ngenxa yabenzi bobubi. Musa ukubamonela abo benza okungebobulungisa. Kuba baya kubuna ngokukhawuleza njengengca, baze njengengca entsha eluhlaza baphelelwe. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:1, 2, 11) Ngoko ke, akakho umntu onokuthintela uThixo ekuzalisekiseni esi sithembiso kwanezinye izithembiso ezikhuthazayo.

Ezi ntsikelelo ziya kuziswa buBukumkani bukaThixo. KuMthandazo weNkosi, uYesu Kristu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele ukufika kobu Bukumkani nokwenziwa kokuthanda kukaThixo “emhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Kungekudala, phantsi kobo Bukumkani, akakho umntu emhlabeni oya kufuna ukwaphula umthetho ngenxa yobuhlwempu, ingcinezelo okanye ukuzingca. Kunoko, iLizwi likaThixo lithi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” (INdumiso 72:16) Eneneni, uYehova uThixo uya kwenzela mntu ngamnye izinto ezininzi ezintle. Okubaluleke ngakumbi, abantu baya kuthanda uThixo nommelwane, yaye umhlaba awusayi kuphinda uphazanyiswe lulwaphulo-mthetho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share