IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 1/1 iphe. 32
  • Ngaba UThixo Usikhathalele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Usikhathalele?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 1/1 iphe. 32

Ngaba UThixo Usikhathalele?

NGABA uzifumanisa ucinezelekile ngenxa yeengxaki zentsapho, impilo, umsebenzi okanye ezinye iimbopheleleko ezinzima? Abantu abaninzi bacinezelekile. Yaye ngubani namhlanje ongachatshazelwa kokungekho sikweni, ulwaphulo-mthetho nogonyamelo? Eneneni, kunjengokuba iBhayibhile isitsho: “Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” (Roma 8:22) Akumangalisi ke ngoko ukuba abantu abaninzi bebuza: ‘Ngaba uThixo usikhathalele? Ngaba uya kuze asincede?’

UKumkani osisilumko uSolomon wathandaza kuThixo esithi: “Nguwe kuphela oyazi kakuhle intliziyo yoonyana boluntu.” USolomon wayenethemba lokuba uThixo akasazi nje kuphela kodwa ukhathalele umntu ngamnye. Wakwazi ukucela uThixo ukuba ‘eve esemazulwini’ aze aphendule imithandazo yomntu ngamnye owoyika uThixo notyhila kuye “isibetho sakhe nentlungu yakhe.”—2 Kronike 6:29, 30.

Namhlanje, uYehova uThixo usasikhathalele yaye usimema ukuba sithethe naye ngomthandazo. (INdumiso 50:15) Uyathembisa ukuba uya kuyiphendula imithandazo esuka entliziyweni evisisana nokuthanda kwakhe. (INdumiso 55:16, 22; Luka 11:5-13; 2 Korinte 4:7) Ewe, uYehova uyawuphulaphula “nawuphi na umthandazo, nasiphi na isicelo sobabalo esinokubakho kuye nawuphi na umntu kubo bonke abantu [bakhe].” Ngoko ke, ukuba sithembela kuThixo, sithandazela ukufumana uncedo lwakhe, size sisondele kuye, uya kusinyamekela aze asikhokele. (IMizekeliso 3:5, 6) Umbhali weBhayibhile uYakobi uyasiqinisekisa esithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share