IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 2/15 iphe. 32
  • Kutheni AmaNgqina KaYehova Esoloko Ekutyelela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni AmaNgqina KaYehova Esoloko Ekutyelela?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 2/15 iphe. 32

Kutheni AmaNgqina KaYehova Esoloko Ekutyelela?

EHLABATHINI lonke, iyaziwa indlela amaNgqina kaYehova azingisa ngayo kumsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu. Abanye abantu bazibuza ngesizathu sokuba amaNgqina eqhubeka ebatyelela, ingakumbi ukuba ngaphambili baye ababonakalisa mdla ungako kwisigidimi sawo. Iileta ezimbini ezivela eRashiya zicacisa isizathu soko.

UMasha, intombazana eneminyaka eli-19 ubudala yaseKhabarovsk, uyavuma esithi: “Enyanisweni, kwiminyaka edluleyo bendisoloko ndizama ngazo zonke iindlela ukuwaphepha amaNgqina kaYehova.” Noko ke emva kokufunda amaphephancwadi aliqela apapashwe ngamaNgqina, watshintsha isimo sakhe sengqondo. UMasha ubhala esithi: “Konke endiye ndakufunda kuwo kubangela umdla yaye kuyafundisa, kodwa okubaluleke ngakumbi kukwenza ulijonge ngendlela eyahlukileyo ihlabathi. Ngokuthe ngcembe ndiye ndayiqonda injongo yobomi.”

USvetlana ohlala kwisixeko saseUssuriysk, malunga neekhilomitha ezingama-80 kumntla weVladivostok, wabhala: “Kutshanje ndiye ndaqalisa ukufunda IMboniselo noVukani! La maphephancwadi ayafuneka kule mihla yethu. Ndiyawanandipha onke la manqaku. Abangel’ umdla yaye ayafundisa ngokwenene. Enkosi! Ndibulela ngokungazenzisiyo ngokuba nibe kweli hlabathi nokwenza umsebenzi wobubele nobaluleke ngolu hlobo.”

AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke awuthabatha nzulu umbuzo kampostile uPawulos obangel’ umdla othi: “Baya kuva njani na [abantu] kungekho bani ushumayelayo?” (Roma 10:14) Kutheni ungaziphi ixesha elincinane ukuze uwaphulaphule amaNgqina xa ekutyelele kwakhona? Nawe unokufumana isigidimi esithuthuzelayo esifumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share