Ngaba Ukuthanda KukaThixo Kuyenzeka?
“Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
UJULIO noChristina babebukele bebamb’ ongezantsi njengoko abantwana babo abane babesitsha de bafa. Imoto yabo eyayimile yatshayiswa ngumqhubi onxilileyo, yaza yalephuza amadangatye. UMarcos, ongowesihlanu kubantwana babo wahlangulwa kuloo ntlekele, kodwa umzimba wakhe wawusele ufunyenwe ngamalangatye, aza amenza umlwelwe ngokupheleleyo. Wayeneminyaka esithoba ubudala. Uyise wayexheleke ngaphakathi yile nto. Yena nentsapho yakhe babefane bazixolisa ngokuthi: “Kukuthanda kukaThixo oku, sifanele siginye nokuba kumnandi okanye kukrakra.”
Xa kuvela iintlekele ezinjengezi, abaninzi baye bavakalelwe ngendlela efanayo. Baqiqa ngelithi, ‘Ukuba uThixo ungusomandla yaye usikhathalele, okwehlileyo kumele ukuba kokwengenelo yethu ngandlel’ ithile, nangona kusenokuba nzima ukuyamkela loo nto.’ Ngaba uyavumelana noko?
Imbono yokuba, nantoni na eyenzekayo, enoba imbi okanye intle, kukuthanda kukaThixo, idla ngokusekelwa kumazwi kaYesu akuMthandazo weNkosi ocatshulwe ngasentla. Ukuthanda kukaThixo kuyenziwa ezulwini, akunjalo? Ngaba ukuthandaza sithi ‘Makwenzeke ukuthanda kwakho emhlabeni,’ akubonisi ukuthi sivumelana nokuba oko kwenzeka emhlabeni kukuthanda kukaThixo?
Abaninzi abayithandi le mbono. Kubo, ibonisa ukuba uThixo akazikhathalele iimvakalelo zendalo yakhe engabantu. Babuza oku, ‘Ingenzeka njani into yokuba uThixo onothando abangele abantu abamsulwa behlelwe ziintlekele ezihambis’ umzimba? Ukuba ufuna ukusifundisa isifundo, sisiphi eso sifundo?’ Mhlawumbi nawe uvakalelwa ngolo hlobo.
Kule nkalo, umntakwaboYesu, umfundi uYakobi wabhala wathi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) UThixo akangomthombo wezinto ezimbi. Ngoko ke, kucacile ukuba, asiyiyo yonke into eyenzeka emhlabeni namhlanje ekukuthanda kukaThixo. IZibhalo ziyathetha nangokuthanda komntu, ukuthanda kweentlanga, kwakunye nokuthanda kukaMtyholi. (Yohane 1:13; 2 Timoti 2:26; 1 Petros 4:3) Ngaba uyavumelana nokuba oko kwehlela intsapho kaJulio noChristina kwakungekokuthanda kukaBawo onothando wasezulwini?
Ngoko, wayethetha ukuthini uYesu xa wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze benjenje: “Makwenzeke ukuthanda kwakho”? Ngaba yayisisicelo nje sokuba uThixo angenelele kwiimeko ezithile, okanye ngaba uYesu wayesifundisa ukuba sithandazele nto ithile ibalulekileyo nebhetele, utshintsho sonke esinokuthembela kulo? Makhe sikuhlolisise ngakumbi oko kuthethwa yiBhayibhile.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]
Car: Dominique Faget-STF/AFP/Getty Images; child: FAO photo/B. Imevbore