“Yeyona Nto Ibalulekileyo Unokuyenza Leyo”
UALEXIS yinkwenkwe eneminyaka emihlanu ubudala ehlala kwisixeko saseMorelia, eMexico, enabazali abafundisisa iBhayibhile baze baye kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ngoxa wayekwindibano yesiphaluka kunye nentsapho yakowabo, wabukela umboniso wokushumayela kwindlu ngendlu. Wakhawuleza wajonga uyise waza wambuza, “Tata, kutheni wena ungashumayeli?” Uyise waphendula ngelithi, “Kufuneka ndifunde kuqala ukuze ndikwazi ukwenjenjalo.” Echulumancile uAlexis wathi, “Yeyona nto ibalulekileyo unokuyenza leyo.”
Lo mntwana wayibona imfuneko yokwenza ngokuvisisana nolwazi analo ngoYehova. Ekubeni abaza bakhe behlala kowabo, waqala wathandaza kuYehova waza wathetha nabo ngezinto awayezifundiswe ngabazali bakhe besebenzisa Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Nakuba uAlexis wayengekakwazi ukufunda, wayeyazi kakuhle loo ncwadi ngokujonga imifanekiso echaza loo mabali. Wada wathi ufuna ukutyelela abantu emakhayeni abo aze abelane nabo ngoko wayekufunda ngeenjongo zikaThixo.
Eneneni, abaselula nabakhulileyo banokubuvisisanisa ubomi babo noko uYehova, “Lowo Ungcwele,” akulindeleyo kubo baze ngaloo ndlela babe nelungelo elingenakuthelekiswa nanto lokunikela ubungqina ngaye phakathi kweentlanga. (Isaya 43:3; Mateyu 21:16) Ngokuqinisekileyo, le yenye yezona zinto zibalulekileyo kwezinokwenziwa ngumntu.