Indlela Yokuhlangabezana Nokudimazeka
NGABA udimazekile? Kule mihla yokungaqiniseki neenkxwaleko, abantu abaninzi badimazekile. Bambi badimazekile ngenxa yokuba bengaphangeli. Abanye bayachacha emva kokuba bebefumene ingozi. Sekunjalo, abanye baneengxaki zentsapho, bayagula okanye baziva bengamalolo.
Ukuba udimazekile, unokulufuna phi uncedo? Izigidi ehlabathini lonke ziye zafumana intuthuzelo ngokufunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Zikhuthazwa ngamazwi ompostile uPawulos, owathi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.” (2 Korinte 1:3, 4) Kutheni ungazifundeli oku nezinye iindinyana zeBhayibhile kwiBhayibhile yakho? Ukwenjenjalo kuya ‘kuthuthuzela intliziyo yakho kuze kukuqinise.’—2 Tesalonika 2:17.
Uncedo lokuhlangabezana nokudimazeka kwakhona linokufunyanwa ngokunxulumana nabo bakhonza uYehova. IMizekeliso 12:25 ithi: “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.” Xa sisiya kwiintlanganiso zamaKristu, siva elo “lizwi lilungileyo,” ‘elimnandi emphefumlweni yaye eliyimpiliso emathanjeni.’ (IMizekeliso 16:24) Kutheni ungayi kwintlanganiso eqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ukuze uzibonele ngokwakho indlela iindibano ezinjalo ezinokukomeleza ngayo?
Kwakhona unokuzuza kumandla omthandazo. Ukuba uziva usonganyelwa ngamaxhala obomi, zityand’ igila ‘kumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) UMdali wethu, uYehova uThixo, usazi ngakumbi kunokuba sizazi. Sinokuthembela kuncedo lwakhe. ILizwi lakhe lisithembisa lisithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” (INdumiso 55:22) Ewe, “abo bathembela kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.”—Isaya 40:31.
UYehova uThixo usinike lonke uncedo olufunekayo ukuze sihlangabezane ngokuphumelelayo nokudimazeka. Ngaba uya kulusebenzisa?