IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 12/15 iphe. 32
  • ‘Ndiyaluvuyela Uqeqesho Endilufumeneyo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Ndiyaluvuyela Uqeqesho Endilufumeneyo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 12/15 iphe. 32

‘Ndiyaluvuyela Uqeqesho Endilufumeneyo’

UKAZUNA oselula wamangaliswa xa utitshala wakhe wamxelela ukuba angenele ukhuphiswano lokuthetha phambi kwabantu ngesiNgesi. Olu khuphiswano lwaluvulelekele zonke izikolo zamabanga aphakamileyo ezikwisiqithi esikhulu saseJapan esisemantla eHokkaido, kodwa isikolo sakhe asizange sakhe sanyula umfundi ukuba abe nenxaxheba kolu khuphiswano. Ngosuku lokhuphiswano, uKazuna wayesoyika kuba kwakufuneka akhuphisane nabanye abafundi abamalunga nama-50. Woyika ngakumbi xa waphawula ukuba iijaji ezimbini ulwimi lwazo lomthonyama yayisisiNgesi.

Kwabizwa abaphumeleleyo, kuqalwa ngofumene ibhaso elincinane. UKazuna wothuka xa ekugqibeleni kwabizwa igama lakhe. Yena notitshala wakhe, owayehleli ecaleni kwakhe, bajongana bemangalisiwe. Esothuke enjalo, uKazuna waya eqongeni waza wanikwa imbasa—ibhaso lokuqala!

Ngovuyo uKazuna wathi: “Eli bhaso ndilifumene kuphela ngenxa yoqeqesho endilufumene kwintlangano kaYehova kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ndivuya gqitha kuba ndifumene olu qeqesho.” Eso sikolo uKazuna awabhalisa kuso ukususela esemncinane, yenye yeentlanganiso zebandla zamaNgqina kaYehova. Xa wayelungiselela ukhuphiswano, uKazuna wanikela ingqalelo ekhethekileyo kwindlela yokubamba isandisi-lizwi, ukuthetha ngokufudumeleyo nangentshiseko, ukusebenzisa izimbo zomzimba, ukujonga abaphulaphuli nezinye izinto ezifundiswa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

Siyakumema ukuba uze kubona esi sikolo, siqhutywa veki nganye kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Zibonele ngokwakho indlela abazuza ngayo abaselula nabakhulileyo. Wonke umntu wamkelekile. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesikolo esikufuphi nekhaya lakho, nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share