IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 1/15 iphe. 32
  • “Yintoni Imfihlelo Yakho?”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Yintoni Imfihlelo Yakho?”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 1/15 iphe. 32

“Yintoni Imfihlelo Yakho?”

UMURIEL umama onabantwana abathathu wothuka xa wabuzwa lo mbuzo yenye indoda esele ikhulile kwivenkile yokutyela. UMuriel wayese abantwana bakhe kwagqirha, yaye wayesele eshiywe lixesha. Kwakungekho xesha lokuya ekhaya ukuze batye isidlo sangokuhlwa ngaphambi kokuba baye kwiintlanganiso zamaKristu. Ngoko wasa abantwana kwivenkile yokutyela ekufuphi ukuze bafumane into esiwa ethunjini.

Njengoko babegqiba isidlo sabo, enye indoda yeza kuMuriel yaza yathi: “Bendisoloko ndikuqwalasele oko ufikile apha. Yaye ndiye ndabona umahluko omkhulu phakathi kwabantwana bakho nabo baqhele ukufika apha. Ungabona into abayenzayo abantwana kwezi tafile nezi zitulo. Babek’ iinyawo phezu kwetafile. Batyhal’ izitulo. Kodwa abantwana bakho bazolile yaye baziphethe kakuhle. Yintoni imfihlelo yakho?”

UMuriel waphendula: “Mna nomyeni wam sifunda ngokuthe rhoqo iBhayibhile nabantwana bethu, yaye sizama ukukusebenzisa oko sikufundayo. SingamaNgqina kaYehova.” Xa iva oku, le ndoda yathi: “NdingumYuda yaye ndasinda xa kwakuBulawa Abantu Ngenkohlakalo. Ndiyakhumbula ndibona amaNgqina kaYehova etshutshiswa eJamani. Nangelo xesha babehlukile kwabanye abantu. Ndiyithandile indlela abaziphatha ngayo abantwana bakho. Ndifanele ndifunde okungakumbi ngonqulo lwenu.”

IBhayibhile yincwadi efanelekileyo ekukhuliseni abantwana. AmaNgqina kaYehova anomdla kakhulu ekuncedeni abanye bazuze kukhokelo olufumaneka kwiZibhalo. Siyakubongoza ukuba usiphendule esi sicelo singezantsi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share