IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 3/15 iphe. 32
  • Isiganeko Esifanele Sikhunjulwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isiganeko Esifanele Sikhunjulwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 3/15 iphe. 32

Isiganeko Esifanele Sikhunjulwe

SISIPHI esi siganeko? Sisiganeko sokufa komntu esenzeka phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo. Wathi: “Ndiyawunikezela umphefumlo wam, ukuze ndiwufumane kwakhona. Akukho mntu uwuthabathileyo kum, kodwa ndiwunikezela ngokwam.” (Yohane 10:17, 18) Lo mntu yayinguYesu Kristu.

UYesu wathi kubalandeli bakhe bafanele bagcine iSikhumbuzo sokufa kwakhe njengedini. Esi siganeko sikwabizwa ngokuthi “sisidlo sangokuhlwa seNkosi.” (1 Korinte 11:20) ISikhumbuzo esaqaliswa nguYesu sokuba sikhumbule ukufa kwakhe siza kwenziwa ngamaNgqina kaYehova nabahlobo bawo ngoLwesine, umhla kaMatshi 24, 2005, emva kokutshona kwelanga.

Intetho esekelwe eBhayibhileni iza kucacisa oko kuthethwa sisonka esingenagwele newayini ebomvu ezisetyenziswa kwesi sihlandlo. (Mateyu 26:26-28) Le ntetho iza kuphendula imibuzo enjengale: AmaKristu afanele asenze izihlandlo ezingaphi esi siganeko? Ngubani ofanele athabathe kwimifuziselo yesonka newayini? Ngoobani abazuzayo ekufeni kukaYesu? Esi siganeko sibalulekileyo siza kusinceda sonke siqonde injongo yobomi nokufa kukaYesu.

Wamkelekile ukuba uye kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Nceda ubuze kumaNgqina kaYehova asekuhlaleni indawo esiza kuba kuyo nexesha esiza kungena ngalo isikhumbuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share