Ukuba Nomdla Kwethu KwiBhayibhile Kuqhwatyelw’ Izandla
UMARIANNA, liNgqina likaYehova elineminyaka eli-18 ubudala kumazantsi eItali yaye ukunyaka wakhe wokugqibela kwisikolo samabanga aphakamileyo. Akho namanye amaNgqina aselula afunda kweso sikolo sakhe.
Ubhala athi: “Seyiliqela ngoku iminyaka, thina maNgqina sifundisisa kunye itekisi yosuku kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla ngekhefu. Ekuphela kwendawo esasinokufundela kuyo ekuqaleni yenye ipaseji ekufuphi negumbi lootitshala. Kwakukho ingxolo apho. Inkoliso yootitshala yayidla ngokusibona xa idlula, yaye abanye babesima befuna ukubona ukuba senza ntoni. Oku kwasivulela ithuba lokuphendula imibuzo yabo. Phantse yonk’ imihla kwakubakho utitshala omayo, nokuba mnye aze abuze. Baninzi abaye bahlala baphulaphula ingxubusho yethu yetekisi yosuku baza basichazela ukuba bayiqhwabel’ izandla indlela esinomdla ngayo thina maNgqina kwizinto zokomoya. Ngesinye isihlandlo isekela-nqununu lasibiza ukuze sixubushe apho kwelo gumbi lootitshala.
“Emva kokubona umthombo waloo ngxubusho yethu yosuku, utitshala wam wasicelela kwinqununu ukuba sixubushele kwelinye lamagumbi okufundela apho kungekho ngxolo. Inqununu yavuma, ibe utitshala wam wasothulel’ umnqwazi phambi kwabo bonke abafundi ngomzekelo wethu omhle. Sonke asiziva luvuyo ngenxa yeli lungelo lingaka asiphe lona uYehova.”