Ngaba Ufana Nomthi Welagani Auna?
KWIDOLOPHANA esemaphandleni asePort Moresby, ePapua New Guinea, abalungiseleli ababini babegoduka bevela kushumayela. Njengoko babehamba, babona umthi omhle. Umlungiseleli osele ekhulile wathi: “Khawukhangele umthi welagani auna!” Ephethukela kulo mfana, wahlabela mgama wathi: “Elo gama lithetha umaf’ evuka. Ngokungafaniyo neminye imithi emininzi ekweleenjiko, nyaka ngamnye lo mthi uvuthuluka amagqabi uze utshaze. Noko ke, zithi zakuna iimvula udubule uze utyatyambe ube mhle kwakhona.”
Kukho okuthile okunokufundwa kulo mthi. Ezinye iingcali zithi, ugqalwa njengomnye wemithi emihlanu neyiyeyona mihle ehlabathini eneentyatyambo. Ngoxa kwimozulu eyomileyo utshaza, lo mthi ufunxa amanzi amaninzi uze uwagcine. Iingcambu zawo zomelele yaye zinokukhula naphakathi kwamatye aphantsi komhlaba. Oko kuwenza ukwazi ukumelana nemimoya enamandla. Ngeliphandle, ukumelana kwawo neemeko ezinzima kuwenza uchume.
Sisenokuzifumana sikwimeko evavanya ukholo lwethu. Yintoni eya kusinceda sinyamezele? Njengomthi welagani auna, sinokufunxa amanzi obomi eLizwi likaThixo size siwagcine. Sikwamele sibambelele ngokuqinileyo ‘kwiliwa lethu,’ uYehova nentlangano yakhe. (2 Samuweli 22:3) Eneneni, lo mthi unomtsalane usikhumbuza ukuba nakwiimeko ezinzima, sinokuhlala somelele ngokomoya ukuba sisebenzisa amalungiselelo uYehova asenzele wona. Ukuba senjenjalo, siya ‘kuzidla ilifa izithembiso’ azenzileyo, kuquka nethemba lobomi obungunaphakade.—Hebhere 6:12; ISityhilelo 21:4.