IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 5/15 iphe. 32
  • Ukuxabiseka ‘Kwesitya Esibuthathaka’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuxabiseka ‘Kwesitya Esibuthathaka’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 5/15 iphe. 32

Ukuxabiseka ‘Kwesitya Esibuthathaka’

UMPOSTILE uPetros wabhala wathi: “Nina madoda, qhubekani nihlala [nabafazi benu] ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi.” (1 Petros 3:7) Ngaba esi Sibhalo sibathob’ isidima abafazi ngokuthi ‘bazizitya ezibuthathaka’? Makhe sihlolisise ingcamango eyayidluliselwa ngumbhali wamandulo ophefumlelweyo.

Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “imbeko” lithetha “ixabiso, ukuxabiseka, . . . intlonelo.” Ngoko indoda yomKristu imele imthantamise umfazi wayo, ibonise ulwazelelelo kuye njengesitya esiethe-ethe nesixabisekileyo. Oku akuthobi sidima konke konke. Ngokomzekelo, khawucinge ngesibane sodidi oluphezulu esenziwa nguTiffany. Olu hlobo lwesibane esikhazimla kakhulu siethe-ethe. Ngaba ukuba ethe-ethe kwaso kuyalithoba ixabiso laso? Akunjalo konke konke! Ngowe-1997 esi sibane sikaTiffany sathengiswa efandesini ngezigidi zeerandi ezili-17,9! Ukuba cekeceke kwaso kwalinyusa ixabiso laso, kunokuba kulithobe.

Ngokufanayo, ukunika umfazi imbeko njengesitya esibuthathaka akumthobi sidima. Ukuhlala nomfazi “ngokokwazi” kuthetha ukuba indoda ihlala ikhumbula ukuba amandla akhe anganeno, yaye inikela ingqalelo nakwizinto azithandayo nangazithandiyo, kwanakwimbono yakhe nendlela avakalelwa ngayo. Indoda enenyameko iyabuqaphela ubuntu obahlukileyo phakathi kwayo nomfazi wayo. Ibonisa ulwazelelelo ngaye “ukuze imithandazo [yayo] ingathinteleki.” (1 Petros 3:7) Indoda engabukhathalelanga ubuthathaka bomfazi wayo ilubek’ engozini ulwalamano lwayo noThixo. Ngokucacileyo, iLizwi likaThixo aliwajongeli phantsi amabhinqa. Kunoko, liwanika isidima nembeko.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]

© Christie’s Images Limited 1997

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share