UDaniel Nebheji Yakhe Yendibano
UYESU wazikhalimela iinkokeli zonqulo ezazizenza amalungisa nezacatshukiswa kukubona amakhwenkwana awayedumisa uThixo esidlangalaleni. UYesu wazibuza oku: “Anizange nikufunde na oku, ‘Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso’?”—Mateyu 21:15, 16.
UDaniel oneminyaka emithandathu ubudala, owayekwibandla labantetho isisiRashiya eJamani, wabonisa ukuba basekho abaselula abamdumisayo uYehova nanamhlanje. Ekunye nonina nodade wabo, waya kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiseDuisburg. Babeqala ukuya kwindibano enkulu njengale. Yonke into yayingaqhelekanga: ihotele, abaphulaphuli abaninzi, ukuhlala phantsi iintsuku ezintathu, ubhaptizo, kungasathethwa ke ngomdlalo weBhayibhile. Kuthekani ngoDaniel? Wayeziphethe kakuhle kakhulu.
Ekubuyeni kwabo endibanweni, ngoMvulo uDaniel wavuka waya esikolweni sabantwana abancinane. Yintoni eyayisekwibhatyi yakhe? Yibheji yakhe yendibano! Unina wathi kuye: “Indibano iphelile. Namhlanje ungayikhulula ibheji.” Kodwa uDaniel wathi: “Ndifuna bonke babone ukuba bendiphi, bazi nento endiyifundileyo.” Loo mini yonke esikolweni wayeziqhenya ngebheji yakhe. Xa wayebuzwa ngutitshala wakhe ngale bheji, wamxelela ngocwangciso lwendibano.
Ngaloo ndlela, uDaniel wayelandela ikhondo lamawaka amakhwenkwe namantombazana aye adumisa uYehova esidlangalaleni kangangeenkulungwane.