IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 1/1 iphe. 8
  • Ebethanda Abantu Nobomi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ebethanda Abantu Nobomi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Ukuyikhangela Ngoxabiso “Indlu KaThixo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 1/1 iphe. 8

Ebethanda Abantu Nobomi

UDANIEL SYDLIK, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ugqibe ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoLwesibini, ngoAprili 18, 2006. Ebeneminyaka engama-87 ubudala yaye ukhonze njengelungu lentsapho yaseBheteli eBrooklyn, eNew York, phantse iminyaka engama-60.

UMzalwan’ uDan, njengoko ebesaziwa njalo ngabo basondeleyo kuye, wafika eBheteli ngowe-1946. Ngaphambi koko, wayekhonza njengovulindlela okhethekileyo eKhalifoniya waza wachitha ixesha elithile entolongweni ebudeni beMfazwe Yehlabathi II ngenxa yobundilele bakhe bobuKristu. Amava akhe elo xesha achaziwe kwibali lobomi bakhe elikwiMboniselo kaJuni 1, 1985, elinomxholo othi “Hayi Indlela Obuxabiseke Ngayo Ubuhlobo Bakho, Thixo!”

UMzalwan’ uSydlik ebedume ngokuthobeka nokungeneka lula. Xa engusihlalo wetekisi yosuku yentsapho yaseBheteli, isimo sakhe sengqondo nokuthanda kwakhe ubomi besibonakala kumazwi akhe okuvula athi: “Kumnandi ukuphila ukuze sikhonze uThixo oyinyaniso nophilayo.” Njengesithethi sasesidlangalaleni, ebekhuthaza esi simo sengqondo kwabanye, enikela iintetho ezinemixholo efana nale “Hayi Uyolo Lwabantu AbaThixo UnguYehova,” “Ukubonakalisa Uvuyo LukaYehova,” “Qhubeka Ukhuthazwa Ngumoya KaThixo” nothi “Useza Kubona Izinto Zamehlo.”

Ngowe-1970, uMzalwan’ uSydlik watshata noMarina Hodson, osuka eNgilani, abedla ngokuthi “usisipho esivela kuThixo.” Bakhonze uYehova kunye kangangeminyaka engaphezu kwama-35.

Ebudeni beminyaka yakhe eBheteli, uMzalwan’ uSydlik usebenze kumasebe ahlukahlukeneyo, kuquka indawo yokushicilela nakwiSebe Lokubhala. Kanti usebenzile nakwisikhululo sikanomathotholo iWBBR. Emva koko, ngoNovemba 1974, wamiselwa njengelungu leQumrhu Elilawulayo yaye ekugqibeleni wasebenza kwiKomiti Yabasebenzi nakweYokubhala.

Kwiminyaka engaphezu kwama-30, uMzalwan’ uSydlik ayisebenze kwiKomiti Yabasebenzi uye wazibalula ngokuthanda abantu. Ebekhuthaza abaninzi ngelizwi lakhe elinamandla, esoloko enikela ingqalelo kwilungelo elixabisekileyo esinalo lokukhonza uYehova. Ebehlala ebethelela into yokuba ulonwabo lokwenene luxhomekeke, kungekhona kwizinto esizibonayo, kodwa kulwalamano lwethu noYehova nesimo sethu sengqondo ngobomi.

Nangona uMzalwan’ uSydlik ekhunjulwa kakhulu yintsapho yaseBheteli, umzekelo awumiseleyo njengomntu othanda ubomi nabantu uya kuqhubeka uyingenelo. Siqinisekile ukuba uphakathi kwabo kuthethwa ngabo ngolu hlobo kwiSityhilelo 14:13: “Banoyolo abafileyo, abo bafela eNkosini ukususela ngoku kuse phambili. Ewe, utsho umoya ukuthi, baphumle ekubulalekeni kwabo, kuba imisebenzi yabo ilandelana nabo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share