Into Ebaluleke Ngakumbi Kunemozulu
PHANTSE zonke iintlanga zinento eziyithethayo ngemozulu: Isibhakabhaka esibomvu ebusuku, yimincili koomatiloshe; xa sibomvu ekuseni, sisilumkiso koomatiloshe. Namhlanje izazi ngemozulu ziyazichaza izizathu zokuba imozulu ibe njengoko kuchazwe ngasentla.
Nangexesha laxa uYesu wayephila emhlabeni, abantu babeqhele ukujonga isibhakabhaka baze batolike loo ndlela sibonakala ngayo. Ethetha namanye amaYuda uYesu wathi: “Xa kusihlwa niqhele ukuthi, ‘Imozulu iza kuba ntle, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo’; yaye kusasa nithi, ‘Iza kuba yimozulu yobusika, enemvula namhlanje, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo, kodwa lisibekele.’ Niyakwazi ukutolika imbonakalo yesibhakabhaka, kodwa . . . ” Kodwa kutheni? UYesu wahlabela mgama ngala mazwi ahlab’ umxhelo: “Imiqondiso yamaxesha aninako ukuyitolika.”—Mateyu 16:2, 3.
Yayiyintoni le “miqondiso yamaxesha”? Yayibubungqina obuninzi obucace nakuthathatha bokuba uYesu unguMesiya wokwenyaniso othunywe nguThixo. Izinto awayezenza zazicace okwesibhakabhaka esibomvu. Sekunjalo, inkoliso yamaYuda yayibetha ngoyaba imiqondiso eyayibonisa ukuba uMesiya ufikile—isiganeko esasibangela utshintsho esibaluleke ngaphezulu lee kunemozulu.
Nanamhlanje, kukho umqondiso ekubaluleke ngaphezu kwebala lesibhakabhaka sokoqobo ukuwuqonda. UYesu waxela kwangaphambili ukuba eli hlabathi lingendawo liza kupheliswa kuze kubekho ihlabathi elilunge ngakumbi. Wachaza intlanganisela yeziganeko ezaziza kubonisa ixesha ekwakuza kwenzeka ngalo oku. Ezinye zezo ziganeko ziimfazwe zehlabathi kunye nendlala. UYesu wathi xa ezi zinto zisenzeka, sele kukufuphi ukuba uThixo angenelele.—Mateyu 24:3-21.
Ngaba uyayibona “imiqondiso yamaxesha”?