Ngaba Liyakuxhalabisa Ikamva?
ZININZI izinto ezinokuxhalabisa abantu. Ngokomzekelo, abanye abantu basenokuba nexhala lento esenokwenzeka emhlabeni. Iphephancwadi iTime ka-Aprili 3, 2006 lithi: “Ubonakala umkhulu gqitha umonakalo owenziwa yimozulu, ingqatsini yelanga, izitshingitshane, izikhukula, imililo nokunyibilika komkhenkce.”
NgoMeyi 2002, iUnited Nations Environment Programme yakhupha ingxelo eyayinomxholo othi “Global Environment Outlook-3.” Le ngxelo yayiqulunqwe ngabantu abangaphezu kwe-1 000. Ngokutsho kwejelo leendaba, le ngxelo yathi: “Imeko yomhlaba imandundu gqitha kangangokuba izigqibo ezenziwa namhlanje ziyawachaphazela amahlathi, iilwandlekazi, imilambo, iintaba, izilwanyana zasendle nezinye izinto obuxhomekeke kuzo ubomi bezizukulwana zanamhlanje nezo zilandelayo.”
Ubume bendalo bungunobangela wokuxhalaba kwabantu. Ehlabathini lonke abantu baxhalatyiswa bubugrogrisi. Isekela lomalathisi wezobuntlola eKhanada lathi: “Asilali behlayo sixhalabele into esingayaziyo.” Nokubukela iindaba zangokuhlwa kumabonwakude kushiya abantu bexhalabile.
Abantu abadala abaninzi nabakhutheleyo emsebenzini banexhala lokuphulukana nemisebenzi yabo. Ukudendwa, ukuvalwa kwemizi-mveliso, ukhuphiswano emsebenzini nabaqeshi abaqhuba abasebenzi ngebhaxa ezo zinto zenza abantu bazive benganqabisekanga emsebenzini. Abakwishumi elivisayo banexhala lokungamkelwa ngoontanga babo. Abaselula banokuxhalatyiswa yinto yokuba kuthi kanti abathandwa ngabazali babo. Kodwa bavakalelwa njani ngezinto ezibehlelayo ebomini? Omnye umama oxhalabileyo uthi: “Umntu oselula nongenamava, usenokoyikiswa gqitha zizinto ezenzeka ehlabathini.” Abazali abaninzi baxhalatyiswa gqitha yimpembelelo enokubangelwa yimilinganiselo yehlabathi ewohlokileyo kwiintsapho zabo, ngokukodwa kubantwana babo.
Abantu abalupheleyo badla ngokoyika ukuwa kwizinyuko okanye ukuhlaselwa esitratweni. Ewe, “bayayoyika into ephakamileyo, nasendleleni bayankwantya.” (INtshumayeli 12:5) Baxhalabele ukuba baya kuze bagule ngenye imini. Iingxelo zeentsholongwane ezibulalayo, umhlaza, nezifo ezosulelayo zinokusenza soyike ukuhlaselwa zizifo ezingaziwayo nezingaqhelekanga ezinokusishiya siyimilwelwe okanye zibulale thina neentsapho zethu. Eneneni, xa sibona abantu abayimiqabaqaba begula baze baxhwaleke, siye sicinge ukuba imeko enjalo inokusehlela nathi nabo sibathandayo. Kubuhlungu ngokwenene ukuthi xa ujonga umntu ogulayo ufumanise ukuba akanalo nelincinane ithemba.
Ekubeni zininzi kangaka izinto ezisixhalabisayo, ngaba ikho into enokusenza sibe nethemba ngekamva? Ngaba ikho into enokusinceda sihlale sinethemba? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
© Jeroen Oerlemans/Panos Pictures