IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 7/15 iphe. 32
  • Imbewu Yenyaniso Ifikelela Kwimimandla Ekwanti

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imbewu Yenyaniso Ifikelela Kwimimandla Ekwanti
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 7/15 iphe. 32

Imbewu Yenyaniso Ifikelela Kwimimandla Ekwanti

IRIPHABLIKI yaseTuva eRashiya imi emazantsi ekupheleni kweSiberia, iphahlwe yiMongolia emazantsi nasempuma. Abemi abaninzi baseTuva bahlala kwimimandla ekwanti ekunzima ukuba ifikelelwe ngesigidimi soBukumkani. Noko ke, ngaxa lithile, kwakha kwasuka iqela labantu kwiindawo ezahlukahlukeneyo zaseTuva laya kwintlanganiso eyayikwidolophu elikomkhulu, iKyzyl. UMaria, owayenguvulindlela eKyzyl, weva ukuba kukho abantu abezayo waza waqonda ukuba uza kufumana ithuba lokuncokola nabo ngeendaba ezilungileyo.

UMaria uthi: “Isikolo endandifundisa kuso sasiza kuba nentlanganiso ekwakuza kuxutyushwa kuyo ngokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. Kwakuza kufika abantu abamalunga nama-50 abasuka kwimimandla ekwanti yaseTuva. Kwelo qela kwakuza kubakho ootitshala, oogqirha bengqondo, oonontlalo-ntle kunye nabanye.” Le ntlanganiso yayiza kuvulela uMaria ithuba elihle lokushumayela, kodwa kwakungazukuba lula. Uthi: “Ndingumntu oneentloni, ngoko kunzima ukushumayela ngokungacwangciswanga. Ndathandaza kuYehova ukuba andiphe isibindi ndize ndixhakamfule eli thuba ukuze ndishumayele.” Ngaba waphumelela?

Uhlabela mgama esenjenje: “Ndafumana uVukani! owayethetha ngoloyiko olugqithiseleyo. Ndacinga ukuba unokubangela umdla kugqirha wengqondo, ngoko ndaya naye esikolweni. Ngaloo mini, omnye utitshala owayeze kule ntlanganiso wangena eofisini yam, ndaza ndamnika eli phephancwadi. Walivuyela gqitha. Wathi naye unengxaki yokoyika ngokugqithiseleyo. Ngosuku olulandelayo, ndamphathela incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1. Nayo wayivuyela. Ukuyamkela kwakhe kwandenza ndacinga ukuba nabanye ootitshala bangakuvuyela ukuzifumanela ezabo. Ngoko ndeza nebhokisi yezi ncwadi nezinye iimpapasho.” Zaphela nje ngokuqhwanyaza kweliso. UMaria usibalisela indlela okwenzeka ngayo oku: “Abanye ootitshala ababehamba nalowo ndandimnike incwadi beza eofisini yam baza babuza, ‘Zifumaneka phi ezi ncwadi?’” Babeze kanye apho zikhoyo!

Loo ntlanganiso yaphela ngoMgqibelo. Ngaloo mini wayengasebenzi uMaria, ngoko wabeka iincwadi kwiitafile ezikwiofisi yakhe. Wabhala ebhodini wathi: “Bootitshala Abathandekayo! Namkelekile ukuzithabathela iincwadi enizifunayo nize niphathele nabanye. Ezi ncwadi ziza kuninceda kumsebenzi wenu zize zomeleze neentsapho zenu.” Yintoni eyenzekayo? “Ngaloo mini ndaya eofisini, ndaza ndafika zithathwe phantse zonke. Ndakhawuleza ndaya kufuna ezinye iincwadi namaphephancwadi.” Yathi iphela loo ntlanganiso, wabe uMaria ehambise amaphephancwadi angama-380, iincwadi ezili-173 neencwadana ezinemifanekiso ezingama-34. Xa bebuyela kwimimandla ekwanti ababehlala kuyo nababesebenza kuyo, bahamba nezo ncwadi. UMaria uthi, “Ndivuya kakhulu kuba ngoku imbewu yenyaniso ifikelele nakweyona mimandla ikwanti yaseTuva!”—INtshu. 11:6.

[Imaphu ekwiphepha 32]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

ERASHIYA

KWIRIPHABLIKI YASETUVA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share