Imibuzo Evela Kubafundi
Ziziphi iimeko ezinokwenza ukuba umntu aphinde abhaptizwe?
Kwiimeko ezithile, umntu obhaptiziweyo unokucinga ngokuphinda abhaptizwe emva kokuzihlola enoba ubhaptizo lwakhe lusafanelekile kusini na. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba xa wayelungiselela ukubhaptizwa wayephila ubomi obumbaxa, okanye esenza into eyayinokubangela ukuba asuswe kubudlelane ukuba wayesele ebhaptiziwe. Ngaba kwakunokufaneleka ukuba azahlulele kuThixo? Wayenokukwazi ukuzahlulela kuYehova kuphela xa eyeka ukuphila ubomi obumbaxa. Ngenxa yoko, kunokufaneleka ukuba umntu owabhaptizwa esenza isono esinzulu, acinge ngokuphinda abhaptizwe.
Kuthekani ngomntu owayengenzi sono xa wayelungiselela ukubhaptizwa kodwa owenza into engafanelekanga emva kokuba ebhaptiziwe kwaza kwafuneka ukuba avele phambi kwekomiti egwebayo? Kusenokwenzeka ukuba lo mntu uvakalelwa kukuba xa wayebhaptizwa, wayengayazi kakuhle into ayenzayo yaye ubhaptizo lwakhe lwalungafanelekanga. Xa bethetha nomntu owonileyo, abadala abafanele bambuze imibuzo ebonisa ukuba bayakuthandabuza ukufaneleka kokuzahlulela nokubhaptizwa kwakhe. Ngapha koko, wayeyivile intsingiselo yobhaptizo kwintetho yobhaptizo esekelwe eZibhalweni. Wayiphendula ngokuqiniseka imibuzo engokuzahlulela nokubhaptizwa. Emva koko waya kunxiba iimpahla zokubhaptizwa waza wantywiliselwa emanzini. Ngoko, wayeyiqonda kakuhle into ayenzayo. Ngenxa yoko abadala bafanele bamjonge njengomntu obhaptiziweyo.
Ukuba umntu uxelela abadala ukuba uvakalelwa kukuba ubhaptizo lwakhe alufanelekanga, abadala banokumcebisa ukuba afunde iMboniselo yesiNgesi kaMatshi 1, 1960, iphepha 159 nele-160 neMboniselo kaSeptemba 1, 1964, iphepha 403-406 apho kuxutyushwa khona ngokweenkcukacha umbandela wokubhaptizwa kwakhona. Ukubhaptizwa komntu kwakhona phantsi kweemeko ezithile (njengokungabi nalwazi lwaneleyo lweBhayibhile ngethuba lokubhaptizwa kwakhe) ngumbandela wobuqu.
Zintoni amaKristu afanele acinge ngazo xa efuna ukuhlala nomnye umntu kwindlu enye?
Wonk’ umntu uyafuna ukuba nendawo yokuhlala. Noko ke, abantu abaninzi namhlanje abanamakhaya. Ngenxa yemeko yezoqoqosho, iingxaki zempilo okanye ezinye izizathu, kusenokunyanzeleka ukuba izalamane zihlale ndawonye. Kwezinye iindawo, izalamane zixinanisana kwindlu enye.
Asiyombopheleleko yentlangano kaYehova ukwenzela amabandla asehlabathini lonke uluhlu lwemithetho ngokuphathelele ukuhlala nomnye umntu endlwini enye. AmaKristu ayakhuthazwa ukuba acinge ngemigaqo yeZibhalo ukuze abone enoba indlela ahlala ngayo yamkelekile kusini na kuThixo. Yiyiphi loo migaqo?
Into esifanele sicinge ngayo kuqala yindlela ukuhlala nabanye abantu ekuya kusichaphazela ngayo ngokomoya. Ngabantu abanjani aba ndiza kuhlala nabo? Ngaba banqula uYehova? Ngaba baphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile? Umpostile uPawulos wathi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 Kor. 15:33.
IZibhalo zithi uYehova ukuthiyile ukuhenyuza nokukrexeza. (Heb. 13:4) Ngoko ukuba abantu besini esahlukileyo abangatshatanga balala endlwini enye njengabantu abatshatileyo, oku ngokuqinisekileyo akwamkelekanga kuThixo. UmKristu akanakuhlala kwindawo enabantu abaziphethe kakubi ngokwesini.
Ngaphezulu, iBhayibhile ibongoza bonke abo bafuna ukukholisa uThixo ukuba ‘basabe kuhenyuzo.’ (1 Kor. 6:18) Ngoko, kuya kuba bubulumko ukuba amaKristu aphephe ukuhlala kwindawo enokuwenza azibhaqe esesilingweni sokuziphatha kakubi. Ngokomzekelo, masithi amaKristu aliqela alala endlwini enye. Ngaba loo nto inokuwabeka esilingweni? Kuthekani ukuba abanye abantu abahlala kuloo ndlu basaphumile okwethutyana baze abantu ababini abangatshatanga bazibhaqe besele bodwa? Ngendlela efanayo, bekuya kuba yingozi ukuba abantu abathandanayo abangatshatanga bahlale endlwini enye. Kububulumko ukuziphepha iimeko ezinjalo.
Nabantu abaqhawule umtshato akunakufaneleka ukuba bahlale endlwini enye. Kuba babeqhele ukuba neentlobano zesini kunokuba lula ukuba bawele ekuziphatheni okubi.—IMize. 22:3.
Enye into ebalulekileyo kukucinga ngendlela abantu bendawo ohlala kuyo abanokuyijonga ngayo loo nto uyenzayo. UmKristu akafanele ahlale kwindawo eza kubangela ukuba abantu bathethe kakubi ngaye. Asifuni ukwenza into eza kuzisa ugculelo egameni likaYehova. UPawulos wakuchaza kakuhle oku, wathi: “Kuphepheni ukuba zizikhubekiso kumaYuda nakumaGrike nakwibandla likaThixo, kwananjengoko nam ndikholisa bonke abantu kuzo zonke izinto, ndingafuni ingenelo yam kodwa eyabona baninzi, ukuze basindiswe.”—1 Kor. 10:32, 33.
Kunzima ukufumana indawo yokuhlala efanelekileyo xa ufuna ukuphila ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa. Noko ke, amaKristu amele ‘aqinisekise ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’ Afanele aqiniseke ukuba akwenziwa izinto ezingafanelekanga ezindlwini zawo. (Efe. 5:5, 10) Oko kuthetha ukuba amaKristu afanele athandazele ukhokelo lukaThixo aze alwele ukuziphatha kakuhle ukuze igama likaYehova linganyeliswa.