UYesu Wanikela Ngobomi Bakhe Ngenxa Yabaninzi
UYesu Kristu waxelela abalandeli bakhe ukuba weza emhlabeni, “kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Wanikela ngobomi bakhe ukuze kuzuze abanye.
Ukufa kukaYesu kwaba yiyo njani intlawulelo? Kwakutheni ukuze kube yimfuneko? Wafela oobani? Kunokuthetha ntoni ukufa kwakhe kuwe?
AmaNgqina kaYehova ayakumema ukuba uwathelele njengoko ephendula le mibuzo ngeBhayibhile. Isikhumbuzo sokufa kukaYesu salo nyaka siza kuba ngoLwesibini ngoMatshi 30 emva kokutshona kwelanga. Kuso, kuza kuphendulwa le mibuzo ingasentla ngeBhayibhile.
Unokuya nakuyiphi na indawo aqhubela kuyo inkonzo amaNgqina kaYehova ekufutshane nawe. Buza amaNgqina kaYehova asekuhlaleni ngexesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo isikhumbuzo.