IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 10/1 iphe. 3
  • 1 Sithandaze?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 1 Sithandaze?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Sondela KuThixo Ngokuthandaza
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Sondela KuThixo Ngomthandazo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ukusondela KuThixo Ngomthandazo
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 10/1 iphe. 3

1 Sithandaze?

UMTHANDAZO. Zimbalwa izinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ezibangela umdla njengomthandazo. Cinga ngale mibuzo isixhenxe edla ngokubuzwa ngomthandazo uze uve indlela eyiphendula ngayo iBhayibhile. La manqaku abhalelwe ukukunceda uqalise ukuthandaza okanye ukuze imithandazo yakho iphendulwe.

EHLABATHINI jikelele abantu beenkcubeko neenkonzo ezahlukeneyo bayathandaza. Kuthandaza abantu ngabanye kunye namaqela. Bathandaza besezicaweni, kwiitempile nakwezinye iindawo. Basebenzisa izinto ezininzi xa bethandaza, njengeminqamlezo, imifanekiso, iincwadi zemithandazo nezinye izinto.

Ukuthandaza kwenza abantu bahluke kwezinye izidalwa. Siyavuma ukuba zininzi izinto esifana ngazo nezilwanyana. Sonke sixhomekeke emoyeni, ekutyeni nasemanzini. Sonke siyazalwa, siphile size sife. (INtshumayeli 3:19) Kodwa ke ngabantu kuphela abakwaziyo ukuthandaza. Kutheni kunjalo nje?

Mhlawumbi eyona mpendulo ilula yethi sifanele senjenjalo. Kaloku abantu bayavumelana ukuba ukuthandaza kuyindlela yokunxibelelana nabantu abakwelemimoya ekucingelwa ukuba bangcwele yaye baphila ngonaphakade. IBhayibhile ithi sidalwe sanomdla kwizinto ezinjalo. (INtshumayeli 3:11) UYesu Kristu wakha wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

‘Yintswelo yokomoya’ ebangela ukuba abantu bakhe iicawa nezinye iindawo zokunqula baze bachithe neeyure ezininzi bethandaza. Kakade ke abanye abantu banelisa intswelo yabo yokomoya ngokuzinqula nangokunqula abanye abantu. Kodwa ke ngaba awuphawuli ukuba abantu basikelwe umda? Sibuthathaka, siphila ixesha elifutshane yaye asazi yonke into. Ngumntu olumke ngaphezu kwethu, onamandla nophila ixesha elide kuphela onokusinika yonke into esiyifunayo. Yintoni le ntswelo yokomoya esenza sithandaze?

Ngaba wakha wafuna ukhokelo, ubulumko okanye impendulo yemibuzo abangakwaziyo ukuyiphendula abantu? Ngaba wakha wafuna ukuthuthuzelwa ngenxa yokulahlekelwa, waziva ufuna ukhokelo xa wawuza kwenza isigqibo esibalulekileyo okanye ukuxolelwa ngenxa yokudliwa sisazela?

IBhayibhile ithi kufanelekile ukuthandaza xa ukwiimeko ezinjalo. YiBhayibhile ewuchaza kakuhle umthandazo yaye inemithandazo yamadoda nabafazi abathembekileyo abaninzi. Babethandazela ukuthuthuzelwa, ukuxolelwa izono kunye neempendulo zeyona mibuzo inzima.—INdumiso 23:3; 71:21; Daniyeli 9:4, 5, 19; Habhakuki 1:3.

Imithandazo yabo yayinento eyayifana ngayo nangona babethandazela izinto ezahlukeneyo. Babenento ababeyazi eyenza ukuba imithandazo iviwe, nto leyo enqabileyo kwihlabathi lanamhlanje. Babesazi ukuba kufanelwe kuthandazwe kubani.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share