Intetho Yesidlangalala Ekhethekileyo
Sinokulufumana Phi Uncedo Lokuhlangabezana Neengxaki Zanamhlanje?
Awanqabanga amacebiso namhlanje. Iincwadi neenkqubo zikamabonwakude ezinikela amacebiso zinomtsalane kubantu abaninzi. Kodwa iingxaki eziqhelekileyo azipheli. Mhlawumbi uyazibuza ukuba, ‘Ngaba lukho ukhokelo olunokuthenjwa?’ Impendulo nguewe!
Nangona iBhayibhile inamawaka eminyaka ubudala, inemigaqo enokuphendula imibuzo enjengale:
▪ Ndinokuzicombulula njani iingxaki ndize ndibe nolwalamano oluhle nabanye?
▪ Ndinokulufumana njani ulonwabo?
▪ Ndinokuhlangabezana njani neengxaki zoqoqosho?
▪ Ndinokulithomalalisa njani ixhala?
Iimpendulo zale mibuzo ziza kuxutyushwa kwintetho yesidlangalala ethi “Imigaqo YeBhayibhile—Ngaba Inokusinceda Sihlangabezane Neengxaki Zanamhlanje?” Le ntetho esekelwe eBhayibhileni iza kunikelwa ehlabathini lonke kumazwe angaphezu kwama-230. Kwiindawo ezininzi iza kunikelwa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ngeCawa, Meyi 1, 2011.
AmaNgqina akwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukuchazela ixesha nendawo. Uyamenywa.