IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 5/1 iphe. 15
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • UBharuki—Unobhala Othembekileyo KaYeremiya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Kudala Lalichazwa Njani Ixesha?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • ‘Kwakuxesha Liphi?’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Kuphephe ‘Ukuzifunela Izinto Ezinkulu’
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 5/1 iphe. 15

Ngaba Ubusazi?

Amagama akumatywina odongwe akudala angqamana njani nalawo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni?

▪ Kumaxesha amandulo, abantu abagcina amaxwebhu aseburhulumenteni babewasonga, bawabophe ngentambo baze eqhineni bafake iqhuma lodongwe olumanzi baze bawatywine. Babesebenzisa amatywina ukuze batyobele, bangqine baze baqinisekise ubunyaniso bexwebhu.

Maxa wambi amatywina ayefakwa kumsesane yaye ayejongwa njengabalulekileyo. (Genesis 38:18; Estere 8:8; Yeremiya 32:44) Itywina lalidla ngokuba negama lomninilo, isigxina sakhe negama likayise.

Abaphandi baye bafumana amakhulu khulu amatyinwa akudala enziwe ngodongwe ekuthiwa ziibullae. Amanye awo anamagama abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, abembi bezinto zakudala baye bafumana imifanekiso yamatywina ekucingelwa ukuba yayiyeyookumkani ababini abangamaYuda. Komnye kubhalwe kwathiwa: “Itywina lika-Ahazi [unyana] kaYehotham [uYotham], uKumkani wakwaYuda.” Omnye uthi: “Itywina likaHezekiya [unyana] ka-Ahazi, uKumkani wakwaYuda.” (2 Kumkani 16:1, 20) UAhazi noHezekiya babelawula ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo.

Abaphengululi baye bahlola iqela lamatywina odongwe ekukholelwa ukuba ayengawabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Abanye baba bantu kuthethwa ngabo kwimibhalo kaYeremiya, njengoBharuki (unobhala kaYeremiya), uGemariya (“unyana kaShafan”), uYerameli (unyana kakumkani), uYukali (unyana kaShelemiya) noSeraya (umntakwabo Bharuki).—Yeremiya 32:12; 36:4, 10, 26; 38:1; 51:59.

Ohlulwa njani amaxesha ahlukahlukeneyo eBhayibhileni?

▪ Izibhalo zesiHebhere zisebenzisa izibizo ezifana nezithi “kusasa,” ‘imini enkulu,’ “emini emaqanda” nelithi ‘ngokuhlwa.’ (Genesis 24:11; Duteronomi 28:29; 1 Kumkani 18:26) Kuqala amaHebhere ubusuku ayebahlula bube yimilindo emithathu, ngamnye kuyo usenza iiyure ezine, kodwa kamva asebenzisa indlela yamaGrike namaRoma yemilindo emine. Kucacile ukuba uYesu wayebhekisela kule ndlela yokugqibela yokwahlula ixesha xa wathi: “Hlalani nilindile, kuba anazi ukuba inkosi yendlu iza kufika nini, enoba xa sele imini ihambile okanye ezinzulwini zobusuku okanye ekulileni kweenkuku okanye ngonyezi.” (Marko 13:35) Umlindo waxa “sele imini ihambile” wawuqala ukutshona kwelanga de kube yintsimbi ye-9 ngokuhlwa. Olandelayo wawuphela ezinzulwini zobusuku, owesithathu ‘ukulila kweenkuku,’ wawuphela malunga nentsimbi ye-3 ekuseni. Owokugqibela, unyezi, wawuphela lakuphuma ilanga. Yayisisihlandlo “somlindo wesine wobusuku” xa uYesu wahamba emanzini kuLwandle lwaseGalili.—Mateyu 14:23-26.

KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, ‘iyure’ ibhekisela kwisinye kwishumi elinesibini kwixesha lasemini njengoko libalwa ukususela ekuphumeni kwelanga ukuya kutsho ekutshoneni kwalo. (Yohane 11:9) Ekubeni ukuphuma nokutshona kwelanga kwakusahluka ngokuxhomekeka kumaxesha onyaka, babedla ngokuchaza uqikelelo lwexesha lokwenzeka kwesiganeko, ngokomzekelo bathi “malunga nelixa lesithandathu.”—IZenzo 10:9.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Amatywina odongwe anegama likaHezekiya nelika-Ahazi (nga-phambili) mhlawumbi (ngasemva) nelikaBharuki

[Inkcazelo]

Back: Courtesy of Israel Museum, Jerusalem

Front: www.BibleLandPictures.com/Alamy

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Isixhobo sokujonga ixesha, ngexesha lamaRoma (ngowama-27 B.C.E.–476 C.E.)

[Inkcazelo]

© Gerard Degeorge/The Bridgeman Art Library International

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share