Imbali, Kungekhona Intsomi
“Ndiye ndazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo.”—LUKA 1:3.
YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Amabali neentsomi abalisa ngeziganeko ezimnandi ekungachazwayo indawo ezenzeka kuyo iziganeko, imihla nabantu ekuthethwa ngabo. Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile iquka iinkcukacha ezingokwembali eziqinisekisa abafundi ukuba “amazwi ayo yinyaniso engangxengwanga.”—INdumiso 119:160, The Psalms for Today, nguR. K. Harrison.
UMZEKELO: IBhayibhile inikela ingxelo yokuba “UNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni . . . uYehoyakin [uKumkani wakwaYuda] wamthabathela ekuthinjweni eBhabhiloni.” Kamva, “uEvili-merodaki ukumkani waseBhabhiloni, ngonyaka wokuba ngukumkani kwakhe, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin ukumkani wakwaYuda endlwini yamabanjwa.” Ukongezelela koko, “wayenikwa umxhesho ovela kukumkani rhoqo, mihla le njengemfanelo, yonke imihla yobomi bakhe.”—2 Kumkani 24:11, 15; 25:27-30.
OKO KUFUNYANISWE NGABEMBI BEZINTO ZAKUDALA: Kumabhodlo aseBhabhiloni yamandulo, abembi bezinto zakudala baye babhaqa amaxwebhu olawulo asusela ngexesha likaNebhukadenetsare II. Adwelisa imixhesho eyayinikwa amabanjwa nabanye abantu ababexhomekeke komkhulu. Olu ludwe luquka “uYaukin [uYehoyakin], owayengukumkani “ wakwaYahud (Yuda),” nendlu yakhe. Kuthekani ngalowo wangena ezihlangwini zikaNebhukadenetsare, uEvili-merodaki? Umbhalo osengqayini ofunyenwe kufutshane nesixeko saseSusa uthi: “Ibhotwe likaAmil-Marduk [uEvili-merodaki], uKumkani waseBhabhiloni, unyana kaNebhukadenetsare, uKumkani waseBhabhiloni.”
UTHINI WENA? Ngaba ikho enye incwadi yonqulo eneenkcukacha nechane njengayo kwimbali. Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Umlibo neendawo ethetha ngazo zichanile yaye zinokuthenjwa kunazo naziphi ezinye iincwadi zamandulo.”—UKUPHANDWA KWETESTAMENTE ENDALA NGOKWENZULULWAZI, NGUROBERT D. WILSON
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ixwebhu laseBhabhiloni elikhankanya ukumkani uYehoyakin wakwaYuda
[Inkcazelo]
© bpk, Berlin/Vorderasiatisches Museum, SMB/Olaf M. Tessmer/Art Resource, NY