Ngaba Ubusazi?
Yintoni le yayisenza amaYuda abe nomdla ongaka kwimilibo yawo?
▪ Iingxelo zemilibo yokuzalwa zazibalulekile ukuze umntu azi isizwe nentsapho yakhe. Kwakhona zazifuneka xa kusabiwa umhlaba namafa. Owona mnombo wawubalulekile yayingokaMesiya othenjisiweyo. AmaYuda ayesazi ukuba umele avele kumlibo kaDavide wesizwe sakwaYuda.—Yohane 7:42.
Umphengululi uJoachim Jeremias uthi, “ukuze ube ngumbingeleli nomLevi kwakufuneka uzalelwe kubo . . . kwakubaluleke gqitha ukuba lo mlibo uhlale uhlambulukile ungenabala.” Abafazi bamaSirayeli abatshatela kwiintsapho zababingeleli kwakufuneka babe nobungqina obuchaza imilibo yabo ukuze ububingeleli buhlale “bunyulu.” Ngemihla kaNehemiya, zonke iintsapho zabaLevi zazibhangiswa xa ‘zingayifumani ingxelo yomlibo wazo wokuzalwa ukuze ziwungqine esidlangalaleni.’—Nehemiya 7:61-65.
Ukongezelela koko, uMthetho kaMoses wawusithi ‘unyana ongumgqakhwe, umAmoni okanye umMowabhi makangangeni ebandleni likaYehova.’ (Duteronomi 23:2, 3) UJeremias, woleka umsundulo esithi ngenxa yesi sizathu, “ukuze wenze nayiphi na inkonzo yaseburhulumenteni kwakufuneka umlibo wakho uqinisekiswe, esi sibakala siqinisekisa isigqibo sethu sokuba . . . nomSirayeli ongenasigxina sibalulekileyo wayesazi ukuba ungowesiphi isizwe kwizizwe ezilishumi elinesibini.”
AmaYuda ayiqokelela aza ayigcina njani iminombo yawo yokuzalwa?
▪ Ababhali beencwadi zeVangeli uMateyu noLuka babhala iingcombolo zeminombo yookhokho bakaYesu. (Mateyu 1:1-16; Luka 3:23-38) Zikho nezinye iingxelo zomnombo eziye zalondolozwa. Ngokomzekelo, omnye umhlalutyi ongumYuda, urabhi owayephila ngemihla kaYesu uthetha ngoHillel esithi: “Kwafunyanwa umsongo onomnombo eYerusalem, kuwo kwakubhalwe ukuba uHillel waphuma kuDavide.” Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uFlavius Josephus, kwincwadi yakhe ethi The Life, uthi ookhokho bakhe yayingababingeleli yaye kwicala lakulo nina, “babe ngabantwana begazi.” Uthi le nkcazelo wayifumana “kuvimba kawonkewonke.”
Kwincwadi yakhe ethi Against Apion, uJosephus, uthi umsebenzi wokugcinwa kweengxelo zeentsapho zababingeleli, wanikwa “amadoda aziwayo” elizweni. IThe Jewish Encyclopedia ithi: “Kubonakala ngathi ezi ngxelo zanikwa igosa elikhethekileyo, yaye ikhankanya nokumiselwa kwenkundla yokuphanda eyayiseYerusalem.” AmaYuda angazalwa kwiminombo yababingeleli ayebhaliswa kwizixeko zooyise. (Luka 2:1-5) Kubonakala ukuba ababhali beencwadi zeVangeli basebenzisa aba vimba bakawonke wonke. Kubonakala ngathi zikho nezinye iingxelo ezazigcinwa ziintsapho.