IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 9/1 iphe. 16-17
  • Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Iyintoni Imini Yomgwebo?
    Vukani!—2010
  • IMini Yomgwebo—Iyintoni?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imini Yomgwebo—Ixesha Lethemba!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 9/1 iphe. 16-17

Funda KwiLizwi LikaThixo

Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?

Eli nqaku liphendula imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.

1. Yintoni iMini yoMgwebo?

Njengokuba kuboniswe kumfanekiso osekunene, abantu abaninzi bacinga ukuba ngeMini yoMgwebo iibhiliyoni zabantu ziya kuziswa phambi kwetrone kaThixo ukuze bagwetywe ngokwezinto ababezenze ngaphambili—abanye baza kuvuzwa ngobomi ezulwini, abanye baza kuthuthunjiswa esihogweni. Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba injongo yeMini yoMgwebo kukuhlangula abantu kwingcinezelo. (INdumiso 96:13) UThixo umisele uYesu ukuba abe ngumgwebi oza kubuyisela okusesikweni kuluntu.—Funda uIsaya 11:1-5; IZenzo 17:31.

2. IMini yoMgwebo iza kukubuyisela njani okusesikweni?

Emva kokuba, umntu wokuqala, uAdam, evukele uThixo ngabom, yonke inzala yakhe wayinikela esonweni, ekubandezelekeni nasekufeni. (Roma 5:12) Ukuze alungise lo monakalo, uYesu uza kubuyisela ebomini, okanye, uza kuvusa iibhiliyoni ekufeni. Incwadi yeSityhilelo ibonisa ukuba aba bantu baza kuvuswa kulawulo lweminyaka eliwaka yolawulo lukaYesu Kristu.—Funda iSityhilelo 20:4, 11, 12.

Abo baza kuvuswa baya kugwetywa, kungekhona ngezinto ababezenze ngaphambi kokuba bafe, kodwa ngokwezinto abaza kuzenza xa kuvulwa “imisongo” ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo isahluko sama-20. (Roma 6:7) Umpostile uPawulos uthi phakathi kwabo baza kubuyela ebomini baze bafumane ithuba lokufunda ngoThixo ‘ngamalungisa nabangengomalungisa.’—Funda iZenzo 24:15.

3. Iza kufeza ntoni iMini yoMgwebo?

Abo bafa bengazange bamazi uYehova uThixo baze bamkhonze baza kufumana ithuba lokutshintsha baze benze okulungileyo. Ukuba bayatshintsha, uvuko lwabo luya kuba ‘luvuko lobomi.’ Noko ke, abanye babantu abaza kuvuswa abazukufuna ukufunda ngoYehova. Olwabo uvuko luya kuba ‘luvuko lokugwetywa.’—Funda uYohane 5:28, 29; Isaya 26:10; 65:20.

Ekupheleni kweMini yoMgwebo yeminyaka eliwaka, uYehova uya kubuyisela uluntu oluthobelayo kwimfezeko. (1 Korinte 15:24-28) Lithemba elichulumancisayo ngokwenene elo kubo bonke abo bathobelayo. Kuvavanyo lokugqibela, uThixo uza kukhulula uSathana uMtyholi enzonzobileni, obevalelwe kuyo iminyaka eliwaka. USathana uza kuphinda azame ukuwexula abantu kuYehova kodwa abamgatyayo baza kunandipha ubomi emhlabeni ngonaphakade.—Funda uIsaya 25:8; ISityhilelo 20:7-9.

4. Yiyiphi enye imini yomgwebo eza kunceda abantu?

IBhayibhile iphinda isebenzise ibinzana elithi “imini yomgwebo” xa ibhekisela kwixesha lokutshatyalaliswa kweli phakade. Le mini yomgwebo iya kufika ngequbuliso njengoNogumbe womhla kaNowa, owatshabalalisa sonke isizukulwana esingendawo. Okuvuyisayo, kukuba ukutshatyalaliswa ‘kwabantu abangenabuthixo’ kuza kuvulela indlela, ibutho elitsha labantu abaza kuphila emhlabeni ‘oza kuba nobulungisa.’—Funda eyesi-2 kaPetros 3:6, 7, 13.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iphepha 213-215 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share