Iziqulatho
IVEKI KAOKTOBHA 24-30, 2016
IVEKI KAOKTOBHA 31, 2016–NOVEMBA 6, 2016
8 Ungayeki Ukulwela Iintsikelelo ZikaYehova
Iingxaki nezinto ezisixhalabisayo zinokuzixina iingqondo zethu zize zizenze ziwe izandla zethu. Khawuve indlela isandla esomeleleyo sikaYehova esinokusiqinisa ngayo size sisenze sikwazi ukunyamezela. Uza kubona nendlela onokuzilwela ngayo iintsikelelo zikaYehova.
14 Ukuthethelela Iindaba Ezilungileyo Kwabasemagunyeni
IVEKI KANOVEMBA 7-13, 2016
17 Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?
Abakhonzi bakaThixo ehlabathini jikelele banxiba yaye bazilungisa ngendlela endilisekileyo, ecocekileyo neyamkelekileyo kubantu basekuhlaleni, ngaloo ndlela bethobela imigaqo yeZibhalo. Unokuqiniseka njani ukuba indlela onxiba ngayo iyamzukisa uThixo?
22 Unokuncedakala Xa Ukhokelwa NguYehova
IVEKI KANOVEMBA 14-20, 2016
23 Lutsha, Qinisani Ukholo Lwenu
IVEKI KANOVEMBA 21-27, 2016
28 Bazali, Ncedani Abantwana Benu Babe Nokholo
Kula manqaku mabini, siza kubona iindlela ulutsha olunokusebenzisa ngazo amandla alo okucinga ukuze luqinise ukholo lwalo yaye luthethelele iinkolelo zalo. Siza kubona nendlela abazali abangamaKristu abanokwenza kube mnandi ngayo kubantwana babo ukufunda nokuqinisa ukholo lwabo kuThixo nakwiLizwi lakhe.