IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w17 Meyi iphe. 31-32
  • Baphuma “Bekhuthele Yaye Benothando Olungakumbi Ezintliziyweni Zabo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baphuma “Bekhuthele Yaye Benothando Olungakumbi Ezintliziyweni Zabo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
w17 Meyi iphe. 31-32
Iholo ezele yema ngeembambo kwindibano yaseCedar Point, eOhio, ngo-1922

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

Baphuma “Bekhuthele Yaye Benothando Olungakumbi Ezintliziyweni Zabo”

KWAKUSELE kuqalisa ukutshisa ngaloo ntsasa yangoLwesihlanu, ngoSeptemba 1922 njengoko iholo yayizele imi ngeembambo ngabantu abayi-8 000. Usihlalo wathi umntu oziva efuna ukuhamba ngoxa lusaqhubeka olo cwangciso lubalulekileyo angahamba, kodwa akazukuvunyelwa ukuba aphinde angene.

Kwaculwa iingoma ebudeni be-“Ntlanganiso Yeendumiso,” yaye emva koko uJoseph F. Rutherford waya eqongeni. Abaninzi ababelapho babezibuza ukuba uza kuthini. Igcuntswana lalihamba-hamba ngenxa yobushushu. Isithethi sabacenga sathi mabahlale phantsi. Njengoko intetho yayiqala, ngaba ukhona phofu owaliqaphelayo ilaphu elalisongwe kakuhle laza laxhonywa entla kweqonga?

Umxholo wentetho kaMzalwan’ uRutherford wawusithi, “Ubukumkani bamazulu busondele.” Wayinikela kangangeyure enesiqingatha ngelo lizwi lakhe likhulu ethetha ngabaprofeti bakudala abashumayela ngoBukumkani obuzayo ngesibindi. Kwincopho yayo wabuza, “Ngaba niyakholwa ukuba uKumkani wozuko uluqalisile ulawulo lwakhe?” Ababemamele loo ntetho baphendula bekhwaza bathi: “Ewe!”

Ngelizwi elikhulu, uMzalwan’ uRutherford wathi: “Ngoko buyelani entsimini, nina boonyana boThixo osenyangweni! Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni.”

Kanye ngelo xesha kwatwabululeka ilaphu ngentla kwakhe, libhalwe: “Mbhengezeni uKumkani noBukumkani bakhe.”

URay Bopp wathi: “Wayenemihlali wonk’ umntu owayelapho.” UAnna Gardner wathi yena: “Saqhwaba kwangcangcazela iindonga.” Kanti uFred Twarosh wathi: “Saphakama sonke ngexesha elinye.” UEvangelos Scouffas wathi: “Kwakungathi kukho into evele yasitsala sonke, sema ngeenyawo sithe gwanty’ iinyembezi.”

Abantu abaninzi ababekuloo ndibano babesele bezishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kodwa ngoku babezimisele nangakumbi. UEthel Bennecoff uthi aBafundi BeBhayibhile baphuma “bekhuthele yaye benothando olungakumbi ezintliziyweni [zabo].” UOdessa Tuck owayeneminyaka eyi-18 ngoko, wemka kuloo ndibano ezixelele ukuba ufuna ukuphendula umbuzo othi, “Ngubani na owosiyela?” Uthi: “Ndandingazazi ukuba ndiza kuya phi, njani. Into endandiyazi kukuba ndifuna ukufana noIsaya,” owathi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isa. 6:8) URalph Leffler uthi: “Loo mini ingasoze ilibaleke, yaba kukuqaliswa komsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke namhlanje.”

Ayothusi ke ngoko into yokuba indibano ka-1922 eyayiseCedar Point, eOhio ibe yimbalasane kangaka kwimbali yethu! UGeorge Gangas wathi: “Loo ndibano yandenza andafuna ukuze ndiphoswe nayeyiphi na enye.” Ibe ngokokukhumbula kwakhe, zange waphoswa nayenye. UJulia Wilcox wabhala wathi: “Andikwazi kuyicacisa indlela endiye ndivuye ngayo qho xa iincwadi zethu zithetha ngendibano yaseCedar Point ka-1922. Ndisoloko ndisithi, ‘Enkosi Yehova ngokundivumela ndibe lapho.’”

Kusenokwenzeka ukuba abaninzi kuthi nabo banezinto abangasoze bazilibale ngendibano eye yabenza banemihlali, bakhuthala yaye bamthanda ngakumbi uThixo wethu ozukileyo noKumkani wakhe. Njengoko sicinga ngezo zinto, nathi sithi, “Enkosi Yehova ngokundivumela ndibe lapho.”

Oonobumba Abangaziwayo

Oonobumba abangu-“ADV” (oonobumba bokuqala kwigama lesiNgesi elithetha ukubhengeza) babebekwe kwindawo yonke, emithini, kwizakhiwo nakucwangciso lwendibano! Benza abantu abezileyo baba nomdla kubo.a

“Kwintsika nakumgubasi ngamnye kwakukho amakhadi amhlophe abhalwe u-ADV omnyama. Sabuza ukuba bamela ntoni abo nobumba, kodwa akukho mntu wayesazi, ukuba wayekhona zange asixelele.”—UEdith Brenisen.

a Abo nobumba abakaziwa ukuba batshona phi nangoku. Unanamhla asinazifoto zabo koovimba bethu.

Umthandazo Owaphendulwayo

UArthur noNellie Claus bafika kwangethuba ukuze bafumane indawo efanelekileyo yokuhlala. UArthur uthi: “Ndandimamele kakuhle.” Kwathi kusenjalo, walunywa sisisu. Engafuni, kwanyanzeleka ukuba aphume eholweni, esazi ukuba akazukwazi ukuphinda angene. Umlindi wambuza, “Uphuma njani kanye ngeli xesha?” UArthur wayesazi ukuba unyanzelekile aphume.

Akubuya, weva abantu beqhwaba kakhulu ngaphakathi eholweni. Ekhangela indawo anokukwazi ukukroba kuyo ukuze eve ukuba kuthiwani ngaphakathi, wabona indawo awayenokunyuka kuyo aye eluphahleni, iziimitha ezimalunga neziyi-4,8 ukuphakama. Waya kwindawo eyayineefestile apho eluphahleni, ibe zazivuliwe.

Apho wafumana abazalwana abaliqela bexakene nento, bejonge isithethi ezantsi. Kwakuthiwe kubo ze basike iintambo ezazibambe isiqwenga selaphu ngaxeshanye. Kodwa ukuze bazisike ngaxeshanye ezo ntambo kwakufuneka enye imela. Ngaba bethu uArthur wayenayo imela ebukhali kuye? Ahla amaxhala xa kwathi kanti unayo. Bema ngokweendawo zabo balinda ixesha ekwakuthiwe ze bazisike ngalo. Kwakufuneka bazisike xa uMzalwan’ uRutherford esithi “Mbhengezeni” okwesibini.

Abazibonelayo bacacisa indlela esavela satwabululeka kakuhle ngayo isiqwenga selaphu esasibhalwe ngemibala emithathu. Kumbindi waso kwakuzotywe uYesu.

Kamva, abazalwana baxelela uArthur ukuba babenyuke ngeleli ukuze babe seluphahleni kodwa kwafika umntu wayithatha. Ngoko, babengakwazi ukuya kufuna uncedo baza bathandaza kuYehova bemcela ukuba athumele umzalwana onemela. Abo bazalwana babeqinisekile ukuba uYehova uwuphendule umthandazo wabo ngendlela ebangela umdla.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share