IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w18 Novemba iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungazifumana Njani IZibhalo KwiBhayibhile Yakho
    Imixholo Engakumbi
  • Yatshatyalaliswa Nini IYerusalem Yamandulo?—Inxalenye Yokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Isifundo 3—Ukuhlola Iziganeko Kumsinga Wexesha
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Isicangca
    IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
w18 Novemba iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Yayingoobani abaBabali uYesu awayethetha ngabo ngobusuku bangaphambi kokuba afe, ibe kwakutheni ukuze babizwe ngolo hlobo?

AbaBabali bexesha leBhayibhile

Ngobusuku bangaphambi kokuba afe, uYesu wathi abapostile bakhe mabangafuni ukuba bakhulu kunabanye. Wathi: “Ookumkani beentlanga baba ziinkosi phezu kwazo, nabo banegunya phezu kwazo babizwa ngokuba ngabaBabali. Ke nina ze ningabi njalo.”​—Luka 22:25, 26.

Yayingoobani abaBabali awathetha ngabo uYesu? Imibhalo ekroliweyo, iingqekembe neminye imibhalo ibonisa ukuba kwakuyinto eqhelekileyo kumaGrike nakumaRoma ukubiza amadoda ahlonitshwayo nabalawuli ngokuthi ziiEuergetes okanye abaBabali. Babebizwa ngolu hlobo ngenxa yokwenzela abantu izinto ezintle.

Ookumkani abaninzi babebizwa ngokuba ngabaBabali. Abanye babo yayingabalawuli baseYiputa, uPtolemy III Euergetes (malunga no-247-222 B.C.E.) noPtolemy VIII Euergetes II (malunga no-147-117 B.C.E.). Abalawuli baseRoma uJulius Caesar (ngo-48-44 B.C.E.) noAgasto nabo babebizwa njalo. UHerode Omkhulu, ukumkani wakwaYuda naye kwakusithiwa ngumBabali. Kusenokwenzeka ukuba yena uHerode kwathiwa ungumBabali kuba wathengela abantu belizwe lakhe ingqolowa kwelinye ilizwe ekubeni kwakukho indlala, waza wapha nabantu abasokolayo iimpahla.

Ngokutsho komphengululi weBhayibhile waseJamani, uAdolf Deissmann, yayixhaphakile into yokubizwa kwabantu ngokuba ngabaBabali. Wathi: “Akunzimanga ukufumana eli gama kwimibhalo ekroliweyo, ungafumana angaphezu kwe-100 ungakhange uchithe ixesha elide kangako.”

Ngoko, wayethetha ukuthini uYesu xa wathi kubafundi bakhe: “Ke nina ze ningabi njalo”? Ngaba uYesu wayesithi bamele bangabancedi abanye abantu okanye bangabakhathaleli? Akunjalo. UYesu wayefuna abapostile bakhe bangenzeli abantu izinto ezintle kuba kukho izinto abazijongileyo.

Xa uYesu wayelapha emhlabeni, izityebi zazifuna ukuduma kakuhle ngokuxhasa ngemali amatheko, imidlalo yasebaleni, ukwakhiwa kweepaki neetempile, nangokuxhasa ezinye izinto ezazisenziwa. Phofu, yonke le nto babeyenza kuba befuna ukunconywa, ukuduma okanye befuna iivoti zabantu. Olunye uphando luthi: “Nangona babekhona ababesenzela abantu izinto ezintle ngolo hlobo bengajonganga nto, amaxesha amaninzi abantu babekwenza oku kuba befuna abantu babe kwicala labo kwezepolitiki okanye bejonge izinto.” Yile nto uYesu wayesithi abalandeli bakhe mabangayenzi.

Kwiminyaka eyadlulayo, umpostile uPawulos naye wayibethelela indlela ekubaluleke ngayo ukwenzela abantu izinto ezintle singajonganga nto. Wabhalela amaKristu aseKorinte wathi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”​—2 Kor. 9:7

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share