IVideo Entsha! Indlela Yokuyisebenzisa
1 Ngokuhlwa ngoMvulo, ngo-Oktobha 8, 1990, iintsapho zaseBheteli yaseUnited States neyaseKhanada zayibona, yaye zayivuyela kunene injongo yayo. Esinye isibini saseBheteli sayibiza ngokuthi “yenye yezona zinto zikhuthazayo nezivuyisayo esakha sazibona.” Emva kokubukela le video intsha yemizuzu engama-55 enomxholo othi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name, sivakalelwa kukuba nani niya kuvuyiswa yinkcazelo yayo entle.
2 Le video ibonisa intlangano yabantu bakaYehova abazinikeleyo bephumeza uthumo lukaYesu lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani emhlabeni wonke. (Mat. 24:14) Ngoxa kubalaseliswa oko kwenziwa kwiBheteli yaseBrooklyn nakwiiFama zeWatchtower, kuchazwa ngokubanzi umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wamaNgqina kaYehova. Uya kuqaphela ukuba iphawulwe ngokuthi copyright nto leyo ethetha ukuba ayimele ikhutshelwe.
3 Niya kukuvuyela ukwazi ukuba apha eMzantsi Afrika le video iyafumaneka ngesiNgesi kuphela. Ngoko, nisenokuqalisa ukuthumela iiodolo zenu ngebandla enikulo. Ixabiso labavakalisi ngama-R45 yaye ixabiso loovulindlela ngama-R40. Oovulindlela abasayi kufumana iikopi zesisa.
4 Emva kokuyibukela, ngokungathandabuzekiyo uya kuqalisa ukucinga ngabanye oya kuthanda ukuyibukela nabo. Kodwa uya kucinga ngoobani ngokukhethekileyo? Ilungiselelwe ngokukhethekileyo ukuba iboniswe izifundo zeBhayibhile zamakhaya eziqhuba kakuhle. Sincomela ukuba uyibukele nomntu ofundelwayo, ekubeni iya kwandlala isiseko sengxubusho yexesha elizayo kunye naye. Ukuba umntu ofundelwayo unomnqweno onjalo, unokubolekwa le video ukuze ayibonise abanye, okanye unokuzithengela eyakhe.
5 Ngaba unezalamane ezingakholwayo? Kutheni ungenzi amalungiselelo okuba nazo ziyibone? Oku kusenokukhokelela kwingxubusho engentlangano neenkolelo zethu. Inkcazelo yayo ifanele ibe yingenelo ingakumbi kwabaselula. Ngokubona abanye abaninzi kangaka bezinikela ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani, basenokukhuthazelwa ukuba nabo bazabalazele ubulungiseleli bexesha elizeleyo.
6 Siyathemba ukuba le video intsha iya kukhulisa uxabiso lwabantu abaninzi ngakumbi ngentlangano kaYehova nangoko ikufezayo ehlabathini jikelele.