Isingxobo Semibuzo
● Kutheni kunconyelwa ukuba abavakalisi babe kumabandla abahlala kwintsimi yawo?
Isingxobo Semibuzo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1990 sawuxubusha lo mbuzo ngokweenkcukacha. Sivakalisa uxabiso ngendlela entle abazalwana abasabela ngayo kweli nqaku. Iingxelo ezifunyenwe kubaveleli beziphaluka abaliqela zibonisa ukuba abadala nezicaka zolungiselelo eziliqela bamisela ukhokelo ekunxulumaneni nebandla abahlala kwintsimi yalo. Inkoliso yabavakalisi iye yawulandela umzekelo wabo omhle. Ngoko ke injongo yeli nqaku kukukhumbuza nje bonke abazalwana ngolwalathiso uMbutho oye walunikela kule nkalo.
Kubalulekile ukuzenza izinto ngolungelelwano nangendlela yobuthixo. Umpostile uPawulos wabhala: “Kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo. . . . Zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano.”—1 Kor. 14:33, 40.
Nangona kusenokubakho iimeko ezikhethekileyo ngenxa yengxaki yezinto zokuhamba, amaxesha empangelo, okanye imfuneko yoncedo ekwaluseni, ngokuqhelekileyo kokona kulungileyo ukunxulumana nebandla esihlala kwintsimi yalo. Oku kuyenza inkonzo yasentsimini ibe lula ngakumbi, yaye akuyomfuneko ukuba sihambe umgama omde ukuze sisebenze neqela elingekho selumelwaneni. Kwenza kube lula ngathi ukusebenza nabanye abakwibandla lethu nokwalathisela abasandul’ ukuba nomdla kwiintlanganiso abanokufikelela lula kuzo. Yaye kusisondeza ngakumbi kwabanye abazalwana noodade abakummandla wethu abanokusinceda ngeemini zikaxakeka.
Ngokuthobela amalungiselelo enziweyo, sibonisa ukuba sibeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala. (Luka 16:10) Xa kusekwa ibandla elitsha okanye kuhlengahlengiswa ngokutsha iZifundo Zencwadi Zebandla, sisenokukhetha ukuba kwicala elinabahlobo bethu abathile. Kodwa ngokwamkela elo lungiselelo litsha, sinokuzifumanela abahlobo abatsha size sandise ulwalamano lwethu lobuthixo. Kwakhona, kuba lula ngakumbi ngabadala ukwalusa umhlambi nokuphucula imeko yokomoya yebandla xa abavakalisi behlala kwintsimi yebandla abakulo.