IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/91 iphe. 8
  • Indlela Yokusingatha Izicelo Zamaphetshana

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokusingatha Izicelo Zamaphetshana
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 7/91 iphe. 8

Indlela Yokusingatha Izicelo Zamaphetshana

Kangangeenyanga eziliqela ngoku uMbutho ubungawubonisi umnikelo weempapasho ezichazwe kumaphetshana ekupheleni kwamaphephancwadi ethu. Isizathu esiyintloko soku sikukuba amazwe aliqela ehlabathini asebenzisa ilungiselelo leminikelo yokuzithandela xa enikela uncwadi. Kwilungiselelo leminikelo yokuzithandela akukho mali iqingqiweyo ibizwayo yomnikelo xa kuthethwa nabaninimzi. Ukuze kubekho ukuvisisana kwiimpapasho zethu imali yomnikelo ayisabhalwa.

Kulo mmandla wentsimi asikho phantsi kweli lungiselelo leminikelo yokuzithandela. Ngoko ke, xa kuthunyelwa amaphetshana kuMbutho, athunyelwa kwibandla ahlala kwintsimi yalo umntu lowo. Ibandla elo liyacelwa ukuba lenze amalungiselelo okuba kubekho umntu oyisayo loo mpapasho kumntu lowo othumele iphetshana kuMbutho, aze ayinikele ngendlela ebesiya kwenza ngayo ngokuqhelekileyo kubulungiseleli basentsimini, ekhankanya umnikelo wempapasho okanye iphephancwadi elo.

Ngezihlandlo ezithile kuye kwavela iingxaki ngoxa kusenziwa amatyelelo alolo hlobo xa abantu besithi bekungabhalwanga xabiso kwiphetshana. Ukuba oku kunokwenzeka, sinokukhankanya ngobuchule ukuba iphetshana alitshongo ukuba le mpapasho iya kunikelwa “ngesisa.” Abantu abanentliziyo entle baya kuqonda ukuba kubandakanyeke iindleko ekuvelisweni koncwadi olo yaye baya kukuvuyela ukukhupha umnikelo walo. Kwezinye iimeko ezinqabileyo noko, ukuba kuphawuleka ukuba lo mntu unomdla wokwenene yaye akanakukwazi ukuyihlawulela loo mpapasho, ngokungathandabuzekiyo siya kukuvuyela ukuyihlawula ngokwethu loo mali size simnike umntu lowo loo mpapasho okanye iphephancwadi ngesisa. Ngaloo ndlela siya kuba siphumeza indima yethu ekunikeni bonke ithuba ‘lokuza kuzithabathela amanzi obomi ngesisa.’—ISityhi. 22:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share