IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/91 iphe. 3
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 10/91 iphe. 3

Isingxobo Semibuzo

◼ Yintoni efanele ikhunjulwe xa kunikelwa ubungqina ngomnxeba okanye ngokubhala iileta?

Sikhetha ukuzishumayela ubuso ngobuso iindaba ezilungileyo ebantwini, kodwa iimeko zisenokwenza kube yimfuneko ukunikela ubungqina ngomnxeba okanye ngokubhala iileta. Abavakalisi abangakwaziyo ukuphuma emakhayeni abo okwexeshana okanye ngokusisigxina ngenxa yokugula okanye isiphene esithile basenokuzisebenzisa ezi ndlela ekunikeleni ubungqina. Basenokuba nempumelelo ekuqhagamshelaneni nabemi bemimandla apho basenokungavunyelwa kuyo abantu ukuba bangene ngaphandle kokufumana imvume kuqala.

Kufuneka ube nelizwi elinobuhlobo nelivakala kamnandi ukuze uphumelele ekunikeleni ubungqina ngomnxeba. Kuphephe ukutsala iminxeba kwakusasa, ebusuku kakhulu okanye ngexesha lezidlo. Musa ukuwuyeka umnxeba ukhale ixesha elide. Menze umninimzi avakalelwe kukuba unomdla wobuqu kuye ngokuthi umquke encokweni. Chaza igama nefani yakho xa uzazisa, ngaloo ndlela umenza loo mntu uthetha naye emnxebeni akwazi kakuhle. Sebenzisa igama lomninimzi kuyo yonke loo ncoko.

Ngaphambi kokubabhalela iileta abanomdla okanye abanye ababengekho ekhaya ngoxa ubutyelele, hlola Isifundo 17 seNcwadi Yesikhokelo Yesikolo. Qinisekisa ukuba uyaliquka igama nekhelingi yakho. Kwizihlandlo ezininzi apho abavakalisi bengakwenzanga oku, ezi leta ziye zabuyiselwa kuMbutho. Xa uthumela amaphephancwadi ngeposi igama nekhelingi yakho zifanele zibonakale nazo kwiphepha ekusongelwe ngalo. Ngokuqhelekileyo abantu abakuthandi ukufumana iileta ezivela kubantu abangabaziyo. Ngalo lonke ixesha bhala ileta emfutshane neyobuhlobo ngokungathi ubuthetha naloo mntu ubuso ngobuso.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share