Ubuvulindlela—Inkonzo Ezisa Imivuzo Etyebileyo
1 UYehova ufuna sivuye nokuba sibone okulungileyo kuwo wonke umsebenzi esibulaleka nguwo. (INtshu. 5:18) Owona msebenzi ubalulekileyo esinokubandakanyeka kuwo ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. UPawulos wambongoza uTimoti: “Umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.” (2 Tim. 4:5) Wamkhuthaza uTimoti, yaye amazwi kaPawulos ayasikhuthaza sonke namhlanje ukuba sizinikele ngomphefumlo uphela kubulungiseleli bethu. Kwabanye, ukuzinikela ngomphefumlo uphela enkonzweni kusenokuquka ukukhonza njengovulindlela othe ngxi. Kutheni ungahlolisisi ngomthandazo iimeko zakho ukubona enoba ziya kukuvumela kusini na ukuba ungenele ubulungiseleli bexesha elizeleyo?
2 Kufuneka Inyathelo Elingqalileyo: Ukuze singenele umsebenzi wobuvulindlela kufuneka sithabathe amanyathelo angqalileyo ngokuvisisana nemithandazo yethu. Hlakulela umnqweno osuka entliziyweni ngenkonzo kaYehova, kuquka nokuthanda abantu. Yandisa umsebenzi wakho wasentsimini, usenza amabuyelo yaye uqhuba izifundo zeBhayibhile. Zabalazela ukuba nocwangciso olusebenzisekayo; sebenzisa ingqiqo. Funa amacebiso kubadala nakoovulindlela. Namathela kucwangciso olucetywe kakuhle lokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela. Kufuneka ukuziqeqesha, ukungazilazili nokuzimisela. (1 Kor. 9:23, 25, 27) La ngamanye amanyathelo aye athatyathwa ngabangaphezu kwama-528 abaye babhalisa ebudeni bonyaka wenkonzo odlulileyo.
3 Ukuzibekela usukelo oluqinisekileyo nokusebenzela ngenkuthalo ukulufikelela kuya kusenza sibe nenkqubela ekushumayeleni kwethu njengoko siphucula ubuchule bethu. Ngaba sinokuphucula iintshayelelo zethu emakhayeni abantu okanye indlela esisabela ngayo xa siphikiswa? Ngaba silusebenzisa ngokuzeleyo lonke uncwadi olukhoyo? Ngaba siqhuba isifundo seBhayibhile esinenkqubela? Ngaba sinokuqalisa ubuvulindlela bobuncedani ngoku sicinga ngokuba ngoovulindlela abathe ngxi kamva? Sifanele sizibekele usukelo olusengqiqweni nolunokufikeleleka. Ukufikelela olo sukelo kuya kusenza sibe nempumelelo ngakumbi kuze kusizisele ulwaneliseko olukhulu.—1 Tim. 4:15, 16.
4 Indlela Yobomi Enomvuzo: Ukuba nguvulindlela ngentshukumisa efanelekileyo nomnqweno wokukhula ngokomoya kuzisa iingenelo ezininzi. Sakha intembelo engakumbi kuYehova. Siba nobuchule obukhulu ngakumbi bokusebenzisa iLizwi likaThixo njengoko silisebenzisa rhoqo kubulungiseleli. Siba nempembelelo entle ebandleni, yaye abanye basenokukhuthazelwa ukuba nesabelo esikhulu kubulungiseleli ngenxa yenzondelelo yethu engumzekelo. Ubuvulindlela bunokusinceda sityekele ngakumbi kwizinto zokomoya buze busikhusele ukuze singabi namabhongo, iminqweno nonxulumano lwehlabathi.
5 UYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe: “Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.” (Mat. 9:37, 38) Abasebenzi bafuneka ngakumbi ngoku kunokuba kwakunjalo ngomhla kaYesu. Ubuvulindlela busivulela ithuba lokuba nesabelo ngokuzeleyo kulo msebenzi ungxamisekileyo nosindis’ ubomi. Alunakulinganiswa nanto ulwaneliseko olubangelwa kukusebenzisa ubomi bakho kwinkonzo yexesha elizeleyo yoMdali wethu Ozukileyo.—IMize. 10:22.