Iindaba Ezingokobuthixo
E-Ethiopia: Urhulumente wase-Ethiopia uye wawamkela amaNgqina kaYehova njengentlangano engokomthetho. Abazalwana bakuvuyele ukwamkelwa ngokusemthethweni yaye batyhalela phambili nomsebenzi woBukumkani. Bafumana uncwadi, yaye baqhuba neendibano.
EGhana: Ukuthintelwa komsebenzi wethu kweli lizwe ngoku kushenxisiwe. Oku kuye kwabavuyisa kakhulu abazalwana bethu, njengoko iiHolo zoBukumkani zabo zivuliwe kwakhona yaye benikwe nemvume yokufaka isicelo sokwamkelwa ngokusemthethweni phantsi komthetho osebenzayo ngoku apho.
ELiberia: Emva kweenyanga ezininzi livaliwe ngenxa yemfazwe yamakhaya, isebe laseLiberia livuliwe kwakhona. Abavangeli basemazweni abane ngoku babuyile ukuza kukhonza kweli sebe, ibe abazalwana bayakuvuyela ukunxulumana kunye ngokukhululekileyo.