Uxabiso Lwakho Ngokufa KukaKristu
1 “UNyana woMntu [wayengezanga] kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulwlo yokukhulula abaninzi.” (Mat. 20:28) Akakho omnye umntu owakha waphila emhlabeni owayenokukwenza oko uYesu Kristu wakwenzela uluntu. Ngekhondo lakhe lokuphila yaye ekugqibeleni ngokufa kwakhe kumthi wentuthumbo, siye saboniswa indlela yokufumana esona sipho sikhulu nabani na anokusifumana, ubomi obungunaphakade. Sekunjalo, inkoliso yabantu ayikuxabisi kangako oko uKristu wakwenzayo.
2 Khawucinge ngesihlandlo sokuhlangana kukaYesu nabantu abalishumi ababeneqhenqa. Besakumbona uYesu, badanduluka bathi: “Yesu, Mongameli, senzele inceba.” (Luka 17:13) Wabenzela inceba, wabayalela, ngokoMthetho, ukuba baye kuzibonakalisa kubabingeleli. Endleleni, bolishumi abo babeneqhenqa baphiliswa.
3 Kodwa mnye kuphela owabuyela kuYesu ukuya kubulela. Kuthekani ngabanye abasithoba? Bahamba indlela yabo bengacingi nokucinga ngokubulela lowo wayebenzele inceba. (Luka 17:15-17) Sifana nabani? Sifuna ukufana naloo ndoda yabuyayo. Yayinoxabiso lokwenene. Ngaba leyo yindlela esivakalelwa ngayo ngokufa kukaKristu?
4 Ukubonakalisa Uxabiso Lwethu: Nyaka ngamnye uMbutho ucebisa ukuba kufundwe iindinyana ezithile eBhayibhileni ebudeni beveki engaphambi komhla weSikhumbuzo. Ufundo lweBhayibhile olucetyiswayo lunokufunyanwa ngaphantsi komhla we-12-17 kuAprili kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1992. Uxabiso lwethu sinokulubonakalisa ngokufunda size sicamngce ngezi ziganeko zehla ebomini bukaYesu ngaphambi nje kokufa kwakhe.
5 Umsebenzi wethu wasentsimini unxulumene noxabiso ngeSikhumbuzo. Abadala kuya kufuneka benze amalungiselelo acwangciswe kakuhle ukuze oovulindlela nabavakalisi bakwazi ukuceba ukwenza umsebenzi wasentsimini owandisiweyo ebudeni buka-Aprili.
6 Ngokuqhelekileyo kule nyanga amawaka aba nesabelo kumsebenzi wobuvulindlela bobuncedani. KuAprili odlulileyo ngabantu abangama-6559 ababa nenxaxheba apha eMzantsi Afrika. Ngaba unokwenjenjalo kulo Aprili? Ukuba akunako ukuba nguvulindlela ongumncedani, ceba ukwandisa isabelo sakho kumsebenzi wokushumayela ngokuvuma kweemeko.
7 Yakha Uxabiso Kwabanye: Nyaka ngamnye eSikhumbuzweni, siba nabantu abaninzi abanomdla. Ngokomzekelo, kubantu abazizi-10 650 158 ababekho eSikhumbuzweni ehlabathini lonke kuMatshi odluleyo, abangaphezu kwezi-6370 000 yayingabantu abanomdla. Oku kubonisa ukuba intlangano isenokwanda kakhulu.
8 Sifanele sisebenzise izimemo ezishicilelwe nguMbutho size senze amalungiselelo okuthutha abo sifundisisa nabo iBhayibhile nabantu abanomdla xa kuyimfuneko. Yiba nehlombe ngokufudumeleyo xa ubamema.
9 Bancede baqonde isizathu sokusungulwa kweSikhumbuzo, ukuba ngoobani abadlayo kwimifuziselo noko kumelwa yimifuziselo. (1 Kor. 11:23-26) Kwakhona, cacisa ithemba abanalo abo bathabathayo nelababukeli abangathabathiyo kwimifuziselo. (Yoh. 10:16; ISityhi. 14:3, 4) Oku kuya kubanceda abantu abanomdla baqonde ukuba bonke kufuneka ‘babe nokholo’ nokuba ukubakho nje eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu esenziwa kube kanye ngonyaka akwanele.—Yoh. 3:16.
10 ISikhumbuzo sokufa kukaKristu sisihlandlo esikhethekileyo ngokwenene. Ngokusilungiselela ngokucokisekileyo, sibonisa ukuba sikuxabisa ngokwenene konke oko uYehova noKristu basenzele kona. Ukwakha uxabiso ngesi sihlandlo kwabo sifundisisa nabo iBhayibhile nakwabanye abantu abanomdla kuya kubanceda, nabo, babe nokholo kwilungiselelo likaYehova lentlawulelo ngoYesu Kristu.