IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJulayi: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, IGama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, okanye ethi Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi ngomnikelo wama-80 eesenti inye. NgoAgasti: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! okanye weMboniselo okanye yomibini ngomnikelo wee-R17,00 umnye kwezo ziphuma kabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwezo ziphuma kanye ngonyaka nomrhumo weenyanga ezintandathu kweziphuma kabini ngenyanga zii-R8,50.
◼ Ukususela ngoSeptemba, abaveleli besiphaluka baya kunikela intetho yesidlangalala ethi “Ukuzihlambulula Ekudyobhekeni Kwehlabathi.”
◼ Ifomu yeSabelo Somhlaba Ongabelwanga (S-91) ayisayi kuphinda isetyenziswe ukunikela ingxelo yomsebenzi wasentsimini yamabandla asebenza umhlaba ongabelwanga bani. Ukususela ngoku, umsebenzi owenziwe ngabavakalisi kumhlaba ongabelwanga uya kuqukwa kunye nenkonzo eyenziwe kwizabelo zabo eziqhelekileyo. Siya kukuxabisa ukufumana amava abangel’ umdla ngokuphathelele uhlaselo.