IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/92 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 11/92 iphe. 7

IZaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R2,60. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngowe-1980 okanye ngaphambilana, ibandla elinayo esitokhweni nge-R1,00 inye. Amabandla asenokuziodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo yaye asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezifunyenwe ngabavakalisi noovulindlela: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade KaThixo” Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo, nethi Iindaba Ezilungileyo Zokonwabisa Wena. Ebudeni bolu hlaselo kuphela, ixabiso lezi ncwadi koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo liya kuba ngama-60 eesenti inye. Kubavakalisi bebandla nakoovulindlela abangabancedani ziya kuxabisa i-R1,00 inye. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00.

◼ Oonobhala bafanele banikele amaQweqwe Ofaniso Lukavulindlela (S-202) kuphela koovulindlela abafudukela kwibandla labo bevela kwintsimi ephantsi kwesebe laseMzantsi Afrika. Ncedani niphawule ileta yethu kaOktobha 23, 1989 neka-Aprili 1, 1991, ngokuphathelele oku. Kwakhona, ngaphambi kokuthumela ifomu eyi-S-206 nisazisa uMbutho ngabo bayekayo ukuba ngoovulindlela, ncedani nenze ngenyameko impinda yemiyalelo ekuloo fomu nize niphendule yonke imibuzo ebandakanyekileyo.

◼ Ngoku amabandla anokuodola imiqulu yeMboniselo yesiNgesi yonyaka we-1983 neyowe-1984. Ncedani ningathumeli iiodolo zeminyaka engemva kowe-1984 de kwaziswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani ukuba iyafumaneka.

◼ Ngokufuthi sifumana izicelo ezivela kubazalwana abanqwenela ukugcinisa uMbutho imali baze bayitsale kwakhona xa beyifuna. Sibuhlungu ukwazisa ukuba uMbutho awukwazi ukwamkela iimali-mboleko. Noko ke, sinokwamkela iminikelo neminikelo yoxhomekeko kuphela. Ukuba ufuna iinkcukacha ezingakumbi ngelungiselelo lomnikelo woxhomekeko usenokudibana nonobhala webandla okulo okanye ubhalele kwiTreasurer’s Office kwisebe lasekuhlaleni.

◼ Ngoku amabandla anokuodola umbhalo wetekisi yonyaka we-1993, ofumaneka ngee-R12,00 umnye ngesiBhulu, isiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu. Ixabiso liya kufakwa kwityala loncwadi. Amabandla anamatyala ajingayo kumatyala awo oncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. Kucebiseka ukuba amabandla awuxhome lo mbhalo omtsha wetekisi yonyaka ngoJanuwari 1, 1993.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—Yowe-1993 ukususela ngoDisemba 1 neodolo yawo eqhelekileyo yoncwadi. Ezi ncwadana ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiNgesi, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiKwanyama, isiPhuthukezi, isiPedi, isiSuthu, isiTaliyane, isiTsonga, isiTswana, isiVenda, isiXhosa nesiZulu. De ezi ncwadana zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe, ziya kubonakala ngokuthi “Zothunyelwa” kwii-invoyisi zebandla. Iincwadana ezithi Ukuhlolisisa IZibhalo zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi ngama-85 eesenti inye, ngexabiso labavakalisi. Oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ababekuluhlu ngaphambi koJulayi 1, 1992, basenokuzifumanela umbhalo omnye wesisa baze bafumane eyongezelelekileyo ngama-55 eesenti inye. Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi kunye neodolo yawo. Kufanele kubhalwe ngokwahlukileyo kwifomu Yothunyelo-mali Nesicelo Sokuncitshiselwa Ityala (S-AB-20) kuboniswe inani lemibhalo yesisa efunelwa oovulindlela. Sikhuthaza ilungu ngalinye lentsapho ukuba libe nombhalo walo wale ncwadana. Ezi ncwadana zifanele ziodolwe ngebandla.

◼ Siphinda isaziso esenziwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani kwiminyaka eliqela eyadlulayo. Kuye kwenziwa iinguqulelo ezithile kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Ukuba unombhalo wayo owashicilelwa ngaphambi kowe-1990 nceda uphawule oku kulandelayo: Kuye kwenziwa inguqulelo kwingcamango ephathelele abantu baseSodom ekuxutyushwe ngayo kwiphepha 178-80. Le nguqulelo yenziwa kwincwadi Incopho YeSityhilelo, iphepha 273 nakwiMboniselo kaJuni 1, 1988, iphepha 30-1. Ukuba usasebenzisa uhlelo lwakudala, nceda uyiphawule le nguqulelo kumbhalo wakho ukuze uqinisekise ukuba udlulisela inkcazelo echanileyo kwizifundo zakho zeBhayibhile.

◼ IBheteli ifuna ngokungxamisekileyo abakhandi abavunyiweyo bezithuthi zepetroli nediesel. Nawuphi na umzalwana onokuzenza afumaneke ufanele aqhagamshelane noMbutho ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.

◼ Iikhasethi Ezintsha Zevideo Ezifumanekayo:

NgesiNgesi: Purple Triangles (Ibali elingentsapho yakwaKusserow, amava ayo afumaneka kwinkupho yeMboniselo kaSeptemba 1, 1985. Iye yaveliswa liziko likamabonwakude laseBritani yaye iWatchtower Society iye yathenga imvume yokuyisasaza. Ibandla nowonkewonke: ngama-R40,00; oovulindlela: ngama-R35,00.)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share