IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngowe-1980 okanye ngaphambi koko, ibandla elinayo esitokweni nge-R1,00 inye. Amabandla asenokuziodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo yaye asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo? Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo Zokonwabisa Wena. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R8,00 okanye ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,00.
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko.
◼ ISikhumbuzo sowe-1994 siya kuba ngoMgqibelo, ngoMatshi 26, emva kokutshona kwelanga. Esi saziso somhla weSikhumbuzo sowe-1994 sinikelwa kuselithuba ukuze abazalwana bakwazi ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okanye bafune iiholo ezinokufumaneka apho kukho amabandla amaninzi asebenzisa iHolo yoBukumkani enye namele afumane enye indawo.
◼ Ukususela kwinkupho kaJanuwari 8, 1993, iphephancwadi uVukani! wohlelo lwakanye ngenyanga liya kushicilelwa ngesiTsonga. Amabandla akhuthazwa ukuba angenise iiOdolo Zabasasazi (M-AB-202) nemirhumo ngokukhawuleza.
◼ Ngamathuba athile kuye kufuneke iimpahla nezihlangu ezisemgangathweni ukwenzela abazalwana noodade baseMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane. Impahla ekhangeleka isemgangathweni nekwimeko efanelekileyo inokuthunyelwa kuMbutho ngeengxowa zeplastiki okanye iibhokisi ezitywiniweyo. Ncedani nithumele impahla yamadoda, yabafazi neyabantwana ngeengxowa ezahlukahlukeneyo nize nibhale oko kuqulethwe yiyo nganye ngokucacileyo.
◼ Abadala kunye/okanye izicaka zolungiselelo ezithetha isiVenda abavunyelwayo ziimeko zabo bakhuthazwa ukuba babuyele eVenda kunye neentsapho zabo. Uninzi lwabazalwana abanjalo lusenokuba lunamakhaya nomhlaba eVenda yaye lunokukwazi ukubuyela luze luncede kumsebenzi wokushumayela nasekomelezeni amabandla.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiGujarati: Our Problems—Who Will Help Us Solve Them? (ilungiselelwe amaHindu; ibandla nowonke wonke: ngama-80 eesenti; oovulindlela: ngama-40 eesenti). NgesiHindi: Our Problems—Who Will Help Us Solve Them? (ilungiselelwe amaHindu; ibandla nowonke wonke: ngama-80 eesenti; oovulindlela: ngama-40 eesenti).